U'''sarah Bernhardt'''

USarah Bernhardt wazalwa ngomhla wama(23 October 1844 – waza wasweleka ngomhla wama26 March 1923) wayengumFrentshi ongumdlali weqonga, owayesoloko ebizwa ngokuba ngumdlali wodumo kwimbali yehlabathi.

UBernhardt walwenza udumo lwakhe kumaqonnga aseYurophu ngeminyaka yoo1870, waza wasebenza eYurophu ngokukhawuleza naseUnited States. Wakhulisa isidima sakhe njengomdlali wokwenene, watsho wafumana isiteketiso esithi "The Divine Sarah."

Eselula

wazalelwa eParis enguMarie Henriette Bernardt, intombi kaJulie Bernardt noyise owayengumDatshi. Wongeza iqabane u"H" kwigama lakhe nakwifani yakhe, waza wasebenzisa igama likaEdouard Bernardt, umalume wakhe, njengegama likayise. Oko kwakusenzelwa ukufihla into yokokuba uyise wayengaziwa.

Ubizo

Ubizo lukaBernhardt lwaqala ngo1862, xa wayesengumfundi eComédie-Française. Wayehamba nzima apho, waza washiya waya kuba ngumsebenzi wenkundla zamatyala ngo1865. Waqala ukubanodumo eEurope ngoo1870, waza wathi ngokukhawuleza wabizwa ngapha nangapha kulo lonke elaseyurophu naseNew York. Waba ngoyena mdlali weqonga udumileyo ngeminyaka yenkulungwane ye-19. Wafunda ulutsha oluninzi kumantombazana ukudlala eqongeni, omnye wabo yaba nguLiane de Pougy.

Ubizo lwakamva

U'''sarah Bernhardt''' 
ingcwaba likaBernhardt

Ngo1905, xa kanye wayesadlala eRio de Janeiro, uBernhardt wonzakala kwidolo langasekunene kwisiqendu sokugqibela somdlalo xa kanye wayetsiba eskuka phezulu kudonga oluphakamileyo. awuzange uphinde unyangeke ngokupheleleyo umlenze wakhe, ubonakalisa iimpawu zokugruzuka. Ngo1915, iinyama zonyawo lwakhe zafa cum waza wonke umlenze wakhe wangasekunene wanqunyulwa, oko kuthetha okokuba wayehamba ngesitulo iinyanga eziliqela. Nangona kunjalo waqhubela phambili nobizo lwakhe. Wabamba ukhenketho olwaba nempumelelo olwalusiya eMelika ngo1915, waza wasweleka xa kanye wayebuyela eFransi. ngomhla wama-26 kweyoKwindla 1923, uBernhardt wabulawa yiuremia eyayilandela ukoyisakala kwezintso zakhe. Wangwatyelwa kumadlaka ePère Lachaise eParis.

Tags:

EYurophuIhlabathiUnited States

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

IMahikengPAmanqindiIindabaIsiziba siviwa ngodondoloI-organismEViennaUluhlu lwemimandla yaseNiger ngokweSalathiso soPhuhliso loLuntuI-AutismI-oxygenUmqombothiSABC 2I-discourseU-NgubengcukaUlwimi olusemthethweniAmasiko nezithethe zakwaNtuUSABC 1TuvaluUkuhamba kombaneIsifo sephephaIsantyaImoto/Inqwelo amfuthaUcalucalulo lwamazikoAlbertina nontsikelelo sisuluIRashiyaSävsjöI-geneUlwandle i-ArcticaITurkiyaIsityeba mva sinqol'intabaOmanIntabaCommune I (Niamey)Télé TchadMarconi FoggiaI-RepublicIJamaniIintsomiIzintsoTokaiIntlanziDansaUZaharaCapri VillageINyujeziUEFA Europa LeagueIqaqa aliziva kunukaRio de JaneiroEMontiUrana FCUmbutho wooSompempe baseItaliUMshweshweRandburgFrankfurtEminemAtomDavid GuettaSebokengAlakossIsityalo🡆 More