I-Autism

I-Autism kukukhubazeka ngokwasemphefumlweni, nto leyo echaphazela ubomi bomntu.

Oku kusilela kubonakaliswa ziimpawu zokurhoxa komntu okanye umntwana ekudibaneni nabanye abantu. Atsho ke ngoku abe yinkomo edla yodwa. Aphinde aphinda-phinde yonke into ayenzayo, abengumntu oloyikayo utshintsho olwenzekayo kwizinto ezimngqongileyo nasekuhlaleni.

I-Autism
Inkwenkwana enesifo se-autism ibekelela iinkonkxa, enye phezu kwenye ukubheka phezulu.

Ukukhubazeka ngokwasemphefumlweni kuchaphazela ukusebenza kobuchopho ukuze bungakwazi ukwamkela nokuphonononga ulwazi ekufuneka luhlalutyiwe yingqondo. Abantu abanale Autism bafumana kunzima ukusebenza ngendlela efanelekileyo abanye abantu abacinga ngayo. Bafumana kunzima ukuvula izifuba zabo bezivulela kwabanye abantu. Ngamanye amazwi kunzima kubo ukuthetha nabanye abantu, bafumane kunzima ukujonga abanye abantu kwaye abathandi kwaphela ukuphathwa ngezandla ngabanye abantu. umntu okhubazeke ngolu hlobo ubangumntu yedwa, nothanda ukuthetha yedwa, azonwabise eyedwa, ehle esenyuka, asuke ke ngoku ahleke yedwa kwizinto azingayo eyedwa. Umntu onje ke akalufuni nokulubona utshintsho, kuye nje makungatshintshi kwanto ekuhlaleni, nakwizinto ezimngqongileyo. Ubukhulu becala abantwana abakhubazeke ngolu hlobo bafumana kunzima kakhulu ukufunda into entsha enje ngokuya ngasese nokuya esikolweni.

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

MilnertonINigeriaUKatIilwandleLuhlazaIsoviet UnionUlwimi lwezandla lwase Mzantsi AfrikaIncokoKhanadaIMayiniIKapaUngalahl'imbo yakho ngoPhoyiyana, kuba uphoyiyana uyemka ngomsoInkululekoUkhenkethoUmntu asint'izityand' igilaAbaThembuAugustusI-Habitat (indawo ekuphila kuyo izilwanyana nezityalo)TuvaluIrhasiIzintsoIi-electronsUmxubeZemk'iinkomo magwalandiniI-carbonENetherlandsUmtshato wesintu/umendoIsikhuni sibuya nomkhwezeliInaniBariINyujeziUbudodaRobben IslandSawo Tome nePrinsipeThabo MbekiUkuba neentloniUxam waphusile1 EyokwindlaI-AfrikaIsitshixo sokulogaIsiTsongaEzemidlaloFIFuRoni da FutbollAmaqhalo amaXhosaIIranEminemBritishImpembelelo kokusingqongileyo ngesifo esingubhubhane i-coronavirus ka2019-2020AjentinaIyunivesithi yaseMzantsi AfrikaKuhla ngamqala mnyeIngwe idla ngamabalaIMasetshusethiIpalamenteElokufa alityeliI-discourseUkukhululekaUEsawuUkudibanisa/UkongezaJohn Langalibalele DubeIsibizoIsilwanyanaVladimir PutinMoscouIAstronomi🡆 More