Uzahara

Zahara (wazalwa Bulelwa Mkutukana, ngomhla we9 kweyeNkanga ngo1987 - 11 Eyo Mnga ngo2023) ngumlonjikazi ekwambhali weengoma, yimbongikazi, is a South African singer-songwriter, poet, ukwaluphawu lomzekelo wesithunya kwisibhedlele sabantwana iNelson Mandela Children's Hospital.

Waqala ukucula kwikwayala yasesikolweni sakhe eneminyaka emithandathu qwaba ubudala, waza wathi xa aminyaka iluthoba ubudala wayalelwa ukuba acule kwikwayala yabadala ngenxa yelizwi lakhe elivakala ligqamile.

Uzahara

Ngo2011 uZahara wakhupha icwecwe lakhe lodumo elithi Loliwe, elabonakalisa yimpumelelo enkulu; yaba kwizinga leplatinum kwiintsuku nje ezili-13 laza lalatyuza emva nje kweentsuku ezili-17 laba sele likwizinha ledouble platinum, lathisa ngaphaya kwama100,000 eekopi eMzantsi Afrika. Umboniso wengoma yakhe yodumo, "uLoliwe", ufunxe i-1.3 yezigidi zabaphulaphuli ngokuboniswe kwi YouTube. Ngomhla woku-1 kwinyanga kaCanzibe ngo2012, kumnyhadala wonyaka wokunikezelwa kweembasa owawubizwa ngokuba yiSouth African Music Awards, uZahara waphumelela iimbasa ezisibhozo, kuquka eyelona gcisa langasegoqweni i"Best Female Artist" nobhazabhaza wecwecwe lonyaka i"Album of the Year". phambi kwezi mbasa, kwagqabhuka ingxwabangxwaba ngosasazo malunga nobume bezezimali zakhe ezaziphethwe gwenxa ngabashicileli benkampani yakhe. Inkampani yakhe yoshicilelo i-TS, yazikhaba ngawo omane ezo zityholo.

Early life

Igama lakhe leenkobe uZahara nguBulelwa Mkutukana wakumatyotyombe asePhumlani cebu nje ngaphandle kweMonti eMpuma Koloni, eMzantsi Afrika, apho wayehlala khona kunye nabazali bakhe uNokhaya kunye noMlamli Mkutukana. ungumntana wesithandathu kwabasixhenxe. walubonakalisa uthando lwakhe lomculo eseneminyaka emi-6 kuphela ezelwe. Waqala ukutsala amehlo abantu mhla wachongwa ukuba akhokhele iqela lomculo wesikolo secawa ePhumlani. Igama lakhe leqonga lithetha ukuthi "Intyantyambo edubulayo"; njengomntwana wayesaziwa ngegama lakhe lesiteketiso elithi Spinach.

Ubizo lwakhe njengemvumi

Umculo wakhe ubekwa kwicandelo le"Afrosoul" kwaye ucula ngolwimi lwakhe lweenkobe, isiXhosa, nagesiNgesi. Iingoma zakhe bezisoloko zichazwa njengomxube wohlobo lomculo odunyiswe nguTracy Chapman, kunye noIndia.Arie.

Ubhazabhaza wecwecwe lakhe lodumo uZahara elithi Loliwe lakhutshwa ngo-2011. Ukukhutshwa kwalo okokuqala laba sele lithengisile kwisithuba nje esingephi seeyure ezingama 72 likho, and 19 days later, the album reached double platinum status in South Africa by surpassing the 100,000 sales mark. Oku kwamenza okokuba abeyimvumi yesibini emva koBrenda Fassie, owayengumXhosa onomtsalane kakhulu, nowafikelela kweli nani ngelo xesha lifutshane kangako. UZahara wakhupha icwecwe lakhe lokuqala lomboniso bhanyabhanya (iDVD)ecula ngokungathi nguX-Factor umngeneli waseUSA LeRoy Bell. I-DVD yafikelela kumgangatho weplatinum (ngokomgangatho obekwe ngabashicileli bamacwecwe baseMzantsi Afrika) ngosuku olunye nje kuphela.

Iingoma zakhe

  • Loliwe (2011)
  • The Beginning Live (2012)
  • Nelson Mandela (2013)
  • Phendula (2013)

Imithombo

Tags:

Uzahara Early lifeUzahara Ubizo lwakhe njengemvumiUzahara Iingoma zakheUzahara ImithomboUzahara

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

UmdlaloISerie A 2021-2022IChileUngalahl'imbo yakho ngoPhoyiyana, kuba uphoyiyana uyemka ngomsoIncwadi ka MormoniIntlaloUmhobe weSizwe waseMzantsi Afrika omdala Die StemImotoUEFA Europa LeagueMakhanda (Nxele)Kugawulwa owaziwayoOonobumbaE-BhizanaAustralia-American Samoa 31-0Akukho nzwan'ingenasiphakoIndaba yotyelo ayikholiNgumsont'onyikinyikiIBhishoU-Buyelekhaya DalindyeboIsiXhosaVladimir PutinUsuku lwe-ValentineUxam waphusileKhaan Khuns-Erchim FCCliftonUkhwekhwe lwexhwiliIYurophuI-CargoIsityaloZimbiniIzinongo zeembizaI-AyidahoI-keyboardU-NgubengcukaIBulgariyaUkuba nguQelezanaIKampalaCaucasusEdirneIntabaChampionship ka-santa Catarina, brazil Infant NameITopiyaUkuzalwa wedwa ''ngumlu'' wanyamaUNtsikanaRepublic of KoreaFerdinand MarcosKuthini ukuphumelelaIzinto ezixabisekileyoThokozaUNongqawuseIjet lagIMarilandiKolleramUbuhloboITanzaniaIKhimbaliIimpunduISpainUmthetho wokuqalaIzintso3AssodéIYunayithedi SteyitsiA & W Iirestyu, Inc.IHlengesiI-NATOIYunivesithi yeKoloni yaseGood HopeNelson Mandela UniversityIsiSpainIzimelabizo🡆 More