Kwezinye iilwimi, umzekelo Isingesi, sibhala ileta kwilungu ngalinye likanobumba.
Iileta zibonisa izandi ezahlukeneyo xa ulwimi luthethwa.
Ezinye iilwimi azibasebenzisi nobumba kwimibhalo yazo: isiTshayina, umzekelo, sisebenzisa ii-"ideograms".
KwisiNgesi nakwezinye iilwimi, eyonanto incinane kwimibhalo ngunobumba. sisebenzisa oonobumba ukwenza amagama. Kwezinye iilwimi, umzekelo, iSipanish, kusoloko kukho unobumba omnye kwisandi ngasinye (okanye singathi: kwi-phoneme nganye, esona sakhiwo sentetho nesakhe sasincinane xa kusekwa intetho). Kulula ukukufunda oku. Kwezinye iilwimi, umzekelo, kwisiNgesi, singasebenzisa oonobumba abaninzi kwisandi esinye, okanye unobumba omnye kwizandi eziliqela. kubanzima ke kubafundi ukufunda oku. Nantsi emizekelo:
IsiNgesi, isiFrentshi, iSipanishi kwaye ezinye iilwimi ezininzi zisebenzisa oonobumba besiLatini xa zibhalwa. kule alphabet kusoloko kukho iintlobo ezimbini zoonobumba kwisandi ngasinye. Umzekelo, "A" and "a". Kwezinye ii-alphabets, umzekelo i-alphabet yesiCyrillic, kukho unobumba omnye kuphela kwisandi ngasinye (ngaphandle kwesiCyrillic esibhalwe ngesandla, apho unobumba omkhulu ungumbhalo owahlukileyo - aze ke ngoko angabinakwahluleka phakathi koonobumba abancinane ahamba nabo kuloo mbhalo). Naba aba nobumba: ABCDEFGHIJKLMNOPQRSTUVWXYZ
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Oonobumba, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.