Kuthini Ukuphumelela

Indlela yokuziphatha inegalelo empumelelweni yomntu

Kukuthini ukuphumelela

Ukuphumelela kukufezekisa amaphupha akho ,ufumane yonke into oyinqwenelayo .Kukuvuka kusasa udlamkile endaweni yokuba uvuke wohlulekile.

Indlela eya empumelelweni

Indlela eya empumelelweni: inde kwaye iyahlaba, imfundo yona sisitixo sempumelelo. Ukuze uphumelele kukho izinto ekufuneka uzincame kuba ubomi bunama hlandenyuka.

Xa ungumntu onxanelwe impumelelo zininzi izinto ekufuneka uzazile,okokuqala kufuneka ube ngumntu onama phupha, uboniswe kwaye onke amaphupha akho uzamele uba mawafezeke, kufuneka uzame ngendlela zonke ukuba ufezekise amaphupha akho.

Ungavumeli umona wabantu uphazamise ikamva lakho

Sukuvumela abanye abantu bakubumbele ngokwabo ikamva lakho.Sonke sinako ukuwafezekisa amaphupha ethu kwaye asidingi kuncedwa ngabanye abantu ukuze siwafezekise.

Izinto ezinothi zikunqande ekufezekiseni amaphupha akho

Okokuqala kufuneka wazi ukuba abahlobo bayakhethwa , kuyafuneka ukuba ukwazi ukuzikhetha kuba ufuna ntoni na ngoba abantwana abaninzi abangakwaziyo ufezekisa amaphupha abo balukuhlwa ngabahlobo ,kubalulekile uba ukwazi ukuthi "hayi!" kubahlobo bakho.

Iziyobisi

Uninzi lwabantwana amaphupha abo bawancamile kuba besanelisa iitshomi zabo ,baye batshaye iziyobi ezo zibenza ingqondo zabo zingasebenzi kakuhle . Umntwana otshaya iziyobisi umbona ngosolo elambile ,uba mdaka emzimbeni kuba kaloku ayikho enye into ayikhathaleleyo ngaphandle kweziyobisi.Usoloko ethengisa ngalo lonke ixesha kuba ufuna intsangu ne tiki kulapho ke amaphupha omfundi aye aphele khona aphinde lomfundi akhuthuze abantu kuba efuna intsangu ne tiki.Uyakufumanisa uba umntana angenza nantoni na ukuze afumane iziyobisi.Abantwana xa befuna eziziyobisi benza ngamandla onke ukuze bazifumane,benza ezinto ezifana noku thatha izinto ezingasongezaba(stealing) Bakhuthuze Abantu.

Ukukhulelwa uselula

Ukukhulelwa uselula yenye yezinto ezibangela uba abantwana baphulukane namaphupha abo,kuba ukubanomntwana uselula uba nophazamiseko oluthile engqondweni nasemzimbeni wakho kuba xa ungumntwana umzimba wakho awuka khuli ngokwaneleyo .Kule mihla siphila kuyo kuxhaphakile ukubona abantwana abakhulelweyo kwaye umbone umntu unebhongo ngesusu sakhe.Uye ufumanise ukuba nasemakhayeni wabo abathathelwa ngqalelo ngabazali basuka bawathathele kubo lamasana ,umzali ayenze ibeluxanduva lakhe ukukhulisa loo mntwana.Lo ebekhulelwe angayiboni imbi into yokukhulelwa elula ngenxa yenxaso ayifumana ebazalini bakhe.

Ingcebiso zokuphumelela kwiziyobisi

Xa ufuna uphumelela kufuneka uzimanye kunye nabantu abaphumelelayo ukuze ufezekise amaphupha akho .Zama uba ubenomntu owaphumeleleyo lamaphupha akho ,umntu ozakujonga kuye uba manyathelo mani awathathileyo ukuze ayofika kulendawo akuyo.Kubalulekile uba ubenomntu okuncedisayo ekuthatheni izigqibo ezizizo ungaphazami sele uzowaphumelela okanye xa sele ugqiba izifundo zakho kubengona uqaphelayo ukuba lento uyifundeleyo /lomsebenzi uzakuwenza ayinguwo lo uwuthandayo.


References

Tags:

Kuthini Ukuphumelela Kukuthini ukuphumelelaKuthini Ukuphumelela Indlela eya empumelelweniKuthini Ukuphumelela Ungavumeli umona wabantu uphazamise ikamva lakhoKuthini Ukuphumelela Izinto ezinothi zikunqande ekufezekiseni amaphupha akhoKuthini Ukuphumelela IziyobisiKuthini Ukuphumelela Ukukhulelwa uselulaKuthini Ukuphumelela Ingcebiso zokuphumelela kwiziyobisiKuthini Ukuphumelela

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

Letta MbuluElokufa alityeli''Akukho Nkwal'iphandel'el'enye, ephandel'enye yenethole''Iklabhu yeBhola yeBhola ka-1909TorshavnAmaMpondoSteve BikoI-Uranus (i-astronomy)Oxhel'eyakhe akabuzwaMahathir MohamadThornhill NtabethembaIBayolojiIsiEsperantoInyeI-Transmission mediumUkuhamba kombaneIsiZuluUmbutho weBhola ekhatywayo waseMzantsi AfrikaIRashiyaUkukholwa yeyokosaNelson MandelaIsixhobo se-output - isixhobo solwazi oluphekiweyoIsarhaIntlalo kwaXhosaLifeIsibhukubhuku somzimbaMauritaniaIBhayibhileIndlalaInto ayibethwa ngankanaUlwakhiwo (ibhola ekhatywayo)TraniZondeni SobukweInkwenkweIsiziba siviwa ngodondoloInkukhu isikwe umlomoWhakeInqakuIsikhonkwaneIziDuko zomzi wakwaXhosaKuninkaankatuIqela lebhola ekhatywayoIsithembuIWashingtonU-C (woku-programa ulwimi)George W. BushUkuzalwa wedwa ngumlu wanyamaIsilwanyanaULeonardo da VinciINigeriaEViennaUMzantsi AfrikaBerylliumNgoSeptemba 11, 2001 ukuhlaselwa1986 Copa Libertadores FinalsIbhola ekhatywayoIsixhobo sokuhamba kombane -I-photosynthesisDonald TrumpVredehoekUkhwekhwe lwexhwiliUmlomo awunasizibaI-oxygenI-solid🡆 More