Indlela yokuziphatha inegalelo empumelelweni yomntu
Ukuphumelela kukufezekisa amaphupha akho ,ufumane yonke into oyinqwenelayo .Kukuvuka kusasa udlamkile endaweni yokuba uvuke wohlulekile.
Indlela eya empumelelweni: inde kwaye iyahlaba, imfundo yona sisitixo sempumelelo. Ukuze uphumelele kukho izinto ekufuneka uzincame kuba ubomi bunama hlandenyuka.
Xa ungumntu onxanelwe impumelelo zininzi izinto ekufuneka uzazile,okokuqala kufuneka ube ngumntu onama phupha, uboniswe kwaye onke amaphupha akho uzamele uba mawafezeke, kufuneka uzame ngendlela zonke ukuba ufezekise amaphupha akho.
Sukuvumela abanye abantu bakubumbele ngokwabo ikamva lakho.Sonke sinako ukuwafezekisa amaphupha ethu kwaye asidingi kuncedwa ngabanye abantu ukuze siwafezekise.
Okokuqala kufuneka wazi ukuba abahlobo bayakhethwa , kuyafuneka ukuba ukwazi ukuzikhetha kuba ufuna ntoni na ngoba abantwana abaninzi abangakwaziyo ufezekisa amaphupha abo balukuhlwa ngabahlobo ,kubalulekile uba ukwazi ukuthi "hayi!" kubahlobo bakho.
Uninzi lwabantwana amaphupha abo bawancamile kuba besanelisa iitshomi zabo ,baye batshaye iziyobi ezo zibenza ingqondo zabo zingasebenzi kakuhle . Umntwana otshaya iziyobisi umbona ngosolo elambile ,uba mdaka emzimbeni kuba kaloku ayikho enye into ayikhathaleleyo ngaphandle kweziyobisi.Usoloko ethengisa ngalo lonke ixesha kuba ufuna intsangu ne tiki kulapho ke amaphupha omfundi aye aphele khona aphinde lomfundi akhuthuze abantu kuba efuna intsangu ne tiki.Uyakufumanisa uba umntana angenza nantoni na ukuze afumane iziyobisi.Abantwana xa befuna eziziyobisi benza ngamandla onke ukuze bazifumane,benza ezinto ezifana noku thatha izinto ezingasongezaba(stealing) Bakhuthuze Abantu.
Ukukhulelwa uselula yenye yezinto ezibangela uba abantwana baphulukane namaphupha abo,kuba ukubanomntwana uselula uba nophazamiseko oluthile engqondweni nasemzimbeni wakho kuba xa ungumntwana umzimba wakho awuka khuli ngokwaneleyo .Kule mihla siphila kuyo kuxhaphakile ukubona abantwana abakhulelweyo kwaye umbone umntu unebhongo ngesusu sakhe.Uye ufumanise ukuba nasemakhayeni wabo abathathelwa ngqalelo ngabazali basuka bawathathele kubo lamasana ,umzali ayenze ibeluxanduva lakhe ukukhulisa loo mntwana.Lo ebekhulelwe angayiboni imbi into yokukhulelwa elula ngenxa yenxaso ayifumana ebazalini bakhe.
Xa ufuna uphumelela kufuneka uzimanye kunye nabantu abaphumelelayo ukuze ufezekise amaphupha akho .Zama uba ubenomntu owaphumeleleyo lamaphupha akho ,umntu ozakujonga kuye uba manyathelo mani awathathileyo ukuze ayofika kulendawo akuyo.Kubalulekile uba ubenomntu okuncedisayo ekuthatheni izigqibo ezizizo ungaphazami sele uzowaphumelela okanye xa sele ugqiba izifundo zakho kubengona uqaphelayo ukuba lento uyifundeleyo /lomsebenzi uzakuwenza ayinguwo lo uwuthandayo.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Kuthini ukuphumelela, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.