Iindaba okanye imiyalezo ehamba ngombane (okanye i-e-mail okanye i-email) yInkonzo eza nge-internet evumela abantu abanedilesi ye-e-mail (ii-akhawunti) ukuba bathumele okanye bafumane iileta ezihamba ngombane, Ezo ke zifana neeleta ezi ziposwayo, ngaphandle nje kokuba zona zifika ngokukhawuleza okukhulu kuneeleta ezihamba nge-snail mail xa zithunyelwa kwiindawo ezikude, kwaye sisoloko zithunyelwa simahla.
Njengezinye iindlela eziqhelekileyo zokuxhumana ngembalelwano, abasebenzisa olu hlobo bangazibona sele befumana uthotho lwembalelwano abayifuni nganto. Xa ke lusiza nge-mail, oku kuthiwa si-spam. Ezinye ii-program zenzelwe ukuba ze kuthi xa kuthunyelwa okanye kufunyanwa le mbalelwano zikwazi ukuzibona nokuzihluza ezi zipam zize ke ngoko zivaleleke zingakwazi kwaphela ukungena kwi-email yakho.
Xa uthumela okanye ufumana i- email ngokwendlela eqhelekileyo, kufuneka ubene-device (izinto ezinje nge-computer, nge-fowuni, njalo njalo.) eyakuthi ixhunyaniswe kwi-Internet nakwi-program ye-email (nebizwa ngokulula nje kuthiwe yi-mailer). Ziliqela ke iindlela ekhoyo zeedilesi ze-email. Eyona ixhaphake kakhulu ibizwa ngokuba yi-RFC 2822, ibonakala ngolu hlobo [email protected]. Ubukhulu becala imiyalezo ye-email ithunyelwa ngamagama abhaliweyo, kanti ke ngamanye amaxesha ithunyelwa ngohlobo lwe-HTML.
Ngamanye amaxesha ezinye iinkampani ziyakuvumela okokuba uyithumele i-email yakho simahla kwi-website ekumgama omde kakhulu, kananjalo ukwazi ukuyifumana i-email yakho evela kwi-website ekude kakhulu simahla. i-Gmail, i-Hotmail ne-Yahoo! ziphakathi kwezinye ii-website ezenza olu hlobo lwe-"web mail". I-Webmail yona ayilulandeli ncam olu hlobo luboniswe ngezantsi apha, kuba kaloku i-webpage yi- web application kwaye inakekela iinkcukacha ezininzi ngokwayo. Kwindlela eqhelekileyo kusetyenziswa i-mailer, njengoko kuqhelekile kwi-smartphones.
I-Microsoft izenzele eyayo i-"communication protocol" (okanye uthotho lwemithetho yayo) yokuthumela okanye yokufumana i-mail okanye imbalelwano, ezizwa ngokuba yi-"Exchange". I-exchange protocol isebenza ngokwahlukile geqe kwindlela yesiqhelo kwaye ke eyayo indlela ayichazwanga apha.
lo mzobo unika umzekelo wento eyenzekayo xa i-email isuka kumntu omnye iye komnye kusetyenziswa le ndlela iqhelekileyo. Kulo mzekelo, uAlice uthumela umyalezo nge-email kuBob.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article I-e-mail, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.