Ulucky Dube

ULucky Dube wazalelwa eErmelo, eyayisayakwaziwa ngokuba yeyaseMntla Transvaal, ekuthiwa ngoku yiMpumalanga, ngomhla wesi-3 kweyeThupha ngo1964.

Abazali bakhe boohlukana phambi kokuba azalwe waza wakhuliswa ngunina, uSarah, owamthiya igama elithi Lucky kuba wakubona ukuzalwa kwakhe njengethamsanqa kuba kaloku wayephunyelwa zizisu amatyeli ngamatyeli. Ekunye nabantakwabo, uThandi noPatrick, uDube ulichithe noninakhulu ixesha elininzi lobuntwana bakhe, ngelixa unina wayesele ehlala kwindawo awayexelenga kuyo. Kudliwano-ndlebe lwango1999, wamchaza uninakhulu njengoyena mntu awayemthanda kakhulu nowaye "nowayephuceleza edibanisa izinto ezininzi endikhulisa ukuze ndibe namhlanje ndingulo mntu ndinguye."

Ukuqala kwakhe ukucula

Esengumntwana, uDube wayesebenza egadini, kodwa wathi ngokuya ekhula, waya eqonda okokuba umvuzo wakhe wawumncinane kakhulu ungenakonela usapho lwakhe, waza ke ngoko waya esikolweni. Apho ke wazibandakanya nekwayala, kunye nabanye koogxa bakhe, beenza umculo wabo wokuqala bedibene, ekwakusithiwa yiSkyway Band. Esesesikolweni njalo, wabhaqa nto ekuthiwa yiyintshukumo yamaRastafari. Uthe xa aminyaka ili-18 ubudala wajoyina iqela lomzala wakhe, iiLove Brothers, elalidla umculo wesiisiZulu Umculo wepop owawusaziwa ngokuba ngumbaqanga kwangelo xesha wayephila ngokusebenzela uHole kunye noCooke njengonogada kumzi othengisa ngeemoto ezithinjiweyo eMidrand. eli qela latyikitya isivumelwano nenkampani yoshicilelo iTeal, phantsi kuka Richard Siluma (iTeal yathi kamva yangena phantsi kwenkampani yoshicilelo iGallo. Nangona uDube wayesesesikolweni ngoko, iqela laliwushicelela umsebenzi walo eGoli xa zivaliwe izikolo. Iziphumo zecwecwe zaphuma phantsi kwegama elithi Lucky Dube and the Supersoul. Icwecwe elilandelayo laakhutshwa ngokukhawuleza emva koko, kwaye ngelo xesha uDube wabhala ezinye izicengcelezo ukongeza emculweni. Kungeli xesha kanye apho watsho wafunda khona isiNgesi.

Ukuya kwakhe kwireggae

Uthe xa kanye sele ekhuphe icwecwe lakhe lesihlanu loMbaqanga, uDave Segal (owayeyinjineli yesandi kumculo kaDube) wamkhuthaza ukuba alilahle igama le"iSupersoul". Onke amacwecwe alandelayo ashicilelwa ngema elithi Lucky Dube. ngeli xesha uDube waqaphela okokuba abalandeli bakhe babezilandela ezinye iingoma zeregae awayezidlala xe kukho iikhonsathi wayecula kuzo ngokwakhe. Wenza umtsalane kuJimmy Cliff nakuPeter Tosh, wacinga okokuba imiyalezo yezepolitiko-nezentlalo zinxulumene neregae yaseJameica kwaye ziyangqinelana nababukeli baseMzantsi Afrika isizwe seziko lobuhlanga society.

Imithombo

Tags:

Ermelo, MpumalangaMpumalanga

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

I-sign (yakwamathematika)ISwitzerlandKgalema MotlantheIAstronomiIHloboISBNIziduko zethuMassImikhosi yase MabazanaIsiNgesiUloliweICastel San Pietro Romano (ikomkhulu likamasipala)Iphepha ElingundoqoIsiSpainKhayelitshaAndorraUluhlu lweeplanethi ezincinci 1-1000Into ayibethwa ngankanaInehibi yamanzi ifa ngamanzi, eyezikhali ifa ngezikhaliMahalapye (ilali)I-Jagi18IGoogolplexUmlomo awunasizibaE-AlgeriaI-nani eli-cardinal (Ngokwakwa-Linguistics)E-PitoliIilwandleMazzano RomanoUngquzulwano Russian-UkrainianIFinlandAjjanahalli, Bangalore SouthIsenziIndodaBelharUbugcisaITopiyaRepublic of KoreaItshesiSaulsvilleItyala lamaweleIthoyilethi yomngxumaIphulo laseItali (1943-1945)MoscouEsihleliyo sidl'ukuhlala, esiphilayo sesithwethwayoKuxhelw' eXhukwanaSerie AEdirneIKhimbaliBeyers NaudéIBhayiI-DenominatorULeonardo da VinciUVirginia HamiltonUxam waphusileIsarhaIsisele sombinzaEyenkanga🡆 More