Igama Lobusuthu

UNimrodi ozalwa nguKushe, kuthelekelelwa ukuba wayengukumkani omkhulu wokuqala emhlabeni nomnquli wezithixo.

UTera uyise ka-Abram, kuthiwa nguye oweenzela uNimrodi imifanekiso amakaqubude kuyo. Akukho kroti libe lilingana naye ngokuzingela kuloo mihla. Bakho aaba bathi indlu eNtsundu iphuma kuye, kuba esiza ngomlibo kaHame.

Umz'oNtsundu asiwazi kunqula mifanekiso; phofu ezinye izizwe zomnye umbala, zibe ziqhelile ukulenza eli siko. Kutshiwo ngasizathu sini na ukuba uNimrodi size kuvela ngaye isizwe esiNtsundu? Imbali ithi waaqalekiswa uHame, kuba uye akabuhlonela ubuze bukayise, onguNowa, ethetha laa mazwi, "UThixo makandiseuJafete, aze ahlale ezintenteni zikaSheme, athi uKanani abe sisicaka kuye." Gen.9:27.

Ngathi uHame lo obala kuthiwa lalintsundu uthe emva koko kuqalekiswa, akaze wavela wamhle ezintsikelelweni. Ababhali abathile bathe bakusibona siyilento siyio, base becinga ukuthi makube siyiloo nzala. Bathi amaJuda laa nabaNtsundu, baphuma mlibeni mnye. Akukho ngcali inokuvumbulula ubunyaniso bale nto sayanyaniswa nayo.

Into esahleli iqondakala yile yaathethwa ngumDali kuNowa esithi, "Chumani nande nizalise umhlaba." Gen. 9:1.

Izizwe ezi ziye zehla kwelasentla, zenza ngokwelizwi elathethwayo. Kuphume intaphane engenakubalwa mntu, yasinga kuwo omane amagumbi omhlaba. Kuqhube kwaqhuba, kwathi ngelikade kwee qebu sizwana sithile, esiye sathi ukuzibiza singabenguni.

Akukho mlambo waziwayo nasemabalini apho laaqalela khona ukuvela eli gama lithi, "Nguni" nesizathu esaba yeyona mbangeli yalo. Kuthelekelelwa ukuba eli gama lithu "Suthu", livele kwaphakathi kwabeNguni bodwa.

abesuthu asinto basayikhumbulayo ukuba yakha yakho inkosi kumlibo wakowabo egama linguSuthu okanye isiganeko esiphathelele kweli gama, kanti inkoliso yezinye izizwe ithabathe amagama eenkosi zazo zasendulo, zase zithiya izizwe ezizizo ngawo. Phofu kukhe kube kho ukuthi ngaxesha limbi ubani nobani afumane athiye nje engathatheli ntweni yani nasizathwini sani yani. Ulwimi lwesiSuthu alwahluke kuya phi kwiilwimi ezithethwa zizizwe ezayame unxweme lolwandle lwasempumalanga. Le nto isisonga apho besijonge khona, isibuyise kwilizwi elithi, "AbaNtsundu baphuma ndlwininye, intetho yabo iyafana kwezinye iindawo kumazwi athile, nenxenye yamasiko abo iyelelene." Asiyiboni into engabanga ukuqhabalakana kangako. Ukuze uthethe uqonda masikhe senjenje:-

      Igama lsesiSuthu:::::::::::::::::::::Igama lesiNguni
        Khomo::::::::::::::::::::::::::::::: Inkomo
        mosi::::::::::::::::::::::::::::::::::umsi
        metsi:::::::::::::::::::::::::::::::::amanzi
        hloho:::::::::::::::::::::::::::::::::intloko
        motho:::::::::::::::::::::::::::::::::umntu
        tsimo:::::::::::::::::::::::::::::::::intsimi
        thaba:::::::::::::::::::::::::::::::::intaba
        lejoe:::::::::::::::::::::::::::::::::ilitye
        mahlo:::::::::::::::::::::::::::::::::amehlo
        molomo::::::::::::::::::::::::::::::::umlomo

Akukho bungqina busafuneka nganto malunga noku kunxulumana kwamagama athile abeSuthu nawabeNguni. Umntwana oteketayo udla ngokungawatsolisi amagama athile entethweni yakhe. Okokuba ebengathi xaakweli thuba akhe ashenxiselwe bucala abe yedwa, bekungangenkankulu ukuwanqakula amagama angawo ngexa asel'ekhulile engasateketi. Bathe ke abeSuthu bakuba bengabanga salinanza akulizingela eli gama lithi "Suthu," kwayakwavela babhali bathile abaye balizingela shushu. Kambe ke sokha sikhankanye laa mfundisi udume kunene ngeembali azibhalileyo, uFred Ellenberger, owakhe waselusuthu, ngalaa mihla yobutsha bakhe. Makabe naye waakhathazwa yinto yokunga angayazi imvelaphi yeli gama. Uthi ke xa abalisayo, abaPeli babengabamelwane namaSwazi, asuke athi wona kubo ngabaShute, kuba beshunta. Le nto ithetha ukuthi yayingabantu abashubelayo. Amasondo amabini ofele olusukiweyo ayejikeleziswa isinqe aye kuqhinelwa ngasemva, ize elinye lesithathu lidluliswe phakathi kwamathanga litsalwe liyekuqhinelwa kweliya qhina lisesinqeni. Baye ke beqhulwa kunene ngamaSwazi ngenxeni yolu hlobo lwabo lokunxiba. Uthi ke eli gama lokushunta laathiywa esi sizwe; laman'ukuguquguqulwa, lada lazakuphethwa ngelithi "nganeSuthu." Umfundisi lo akasityhileli apho intetho le yabo ifike yahluke khona kweyabeNguni. Sikho isinxibo sabafazi esahlukileyo kwesamadoda ekuthiwa ukubizwa kwaso "yithithana, inkciyo, ichachawe, inchubula." Umfundisi lo, xa akule ndawo ufike ebambelele ngazo zozibini izandla phantsi emhlabeni athi, abeSuthu aba bavela ngendlela yaseYiphutha - sonke siya yingqina leyo, kuba eli gama lethithana ligama lesiHebhere, kuba athi ikhiwane yi"thanah". Laa maqgabi ngawo kanye abazifihla ngawo imizimba yabo, uAdam noEfa okuya uThixo wayebatyelele emYezweni. Lowa umfundisi uA. T. Bryant okwadume ngokubhala amabali, yena uthi, kukho umlambo onguMabudu owelela eDelagube, elinye igama lawo nguSuthu. Makubeolu hlanga kithiwa namhla ngabeSuthu lwalukhe lwangabemi kuyo le ndawo kwaza emva koko loo mlambo waziwa ngokuba nguSuthu, ngenxeni yokuba wakha wamiwa ngabeSuthu. Lo mfundisi intetho yakhe uyiphetha lula, engafuni nokuziduba kangako, kuba uthi igama elithi "Suthu" lixela into entsundu i"sotho - basotho" ngentetho yakowabo. Uthi ke yena kuphela kwento emcaceleyo ngeli gama. Xa achaphazela intetho yabo uthi igudile, ayinawo laa maganyana akholisa ukuviwa ehlokoma kwintetho yoonoQakancu. Wonke umntu angatyekela kwelithi abeSuthu ngabeNguni poqo, unwele nozwane. Akukho bantu bangathi bengaphumi mlebeni mnye, bafane kangaka ngamazwi athile entethweni. Ngawo laa maNgesi avela ngaphesheya kweelwandle, kodwa akukho noko lilinye igama esifike siyelelane nawo ngalo, ngenxeni yokuba aphuma kwenye indlu. amasiko laa akhoyo ngoku nakuba sel'etshintshile, ayefana kubeNguni. Bathe abantu aba bakuba bezahlula-hlule, kwavela iinkosi zabo zabalawula, aqala kaloku akafana amasiko ngethuba lokuba iyileyo naleyo ithande ukuphatha abantu bayo ngamasiko acishwe sisizwe sayo kwaza kwakholeka nakuyo. Akunyali ukuthi abantu bephuma sinqeni sinye suka beeqebu ukwahlulelana ngamasiko, angabi safana kakuhle ekuhambeni kwamaxesha. Apho ungafike uyibone khona le nto kuxa kuzalwa abantwana; wofika kuqhutywa amasiko angafaniyo kanti eli sebe neliya axhuxulwe mthini mnye. Abenguni yayingabantu abalusa amakhwenkwe. Eli siko abazange balibonela zintlangeni, lelemvelo kubo. AmaYuda wona alusa iintsana zawo iintsuku zisibhozo ezelwe, nenkosi yethu yaaqhutywa ngale ndlela, nakuba olwabo ulwaluko lwaluzele bubungcwele, lundilekile okunye. AbeNguni bona bebesalusa amakhwenkwe laa sel'enendevu, kwenziwe umgcobo omkhulu. Abatsha, abadala, amaxhego namaxhegokazi abe eluvuyela usuku lwaloo mgcobo. Bebezilungisa bazigudise bazihlaziye babebatsha, bazinxibe ngezihombo ezingummangaliso behlangabezana nolu suku. Mbangi yokuba kube nje, kungenxeni yokuba laa makhwenkwe aluswayo angeniswa kuzalo olutsha ekuyiloo nto ke bandulelayo ukuzihlaziya, ukuze amakhwenkwe la ahlale enomnqweno wokuba ngosuku lokuphuma kwawo, ayakubuyela ekhaya enje ngokwindla.

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

IziphawuliELuSuthuIsityaloIsiEsperantoIzimelabizoLeon WesselsMuriaéI-Peninsula yaseBalkanIBayolojiENgilaniImithetho elishumiKuthini ukuphumelelaISerie A 2021-2022Umasipala (eItali)IRashiyaInqakuRonciglione6EzemidlaloVladimir PutinIzibuloVietnamImaliUEFA Europa LeagueAkukho nzwan'ingenasiphakoI-Transmission mediumIsiXhosaKommetjieIsifo esosulelayoEyethuphaEyesilimelaIbhola yombhoxoIsakhono nge-StatisticsIPhondo yaseMntla-NtshonaGrinlendFreshlygroundIncwadiLinqweme lentuloUkubamb'isisila sehobeAmadoda angama-gayShanghaiAmapolisaI-plastikiIimpawuUbunto bentoOceaniaURenate FranzFransiI-FountainImfazwe ka MlanjeniUsuku lwe-ValentineInqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathiUmdlaloUmqombothiIsoviet UnionIziDuko zomzi wakwaXhosaKumeleb'ibuyiswe ind'ebendalaI-AutismIsisu esihambisayoOxhel'eyakhe akabuzwaIntethoUthandoFrohen-sur-AuthieIzintsoIilwandleIHloboIprojekthiESwitzerland ngexesha leMfazwe YehlabathiUmtha wedolo🡆 More