Isifo Sentsholongwane I-Ebola: Cudur

I-Ebola virus disease (EVD) okanye i-Ebola hemorrhagic fever (EHF) isisifo sabantu esibangelwa yintsholongwane i- Ebola virus.

Iimpawu eziqhelekileyo ziqala kwiintsuku ezimbini ukuya kwiiveki ezintathu emva kokosulelwa yintsholongwane, ngomkhuhlane, umqala obuhlungu,i- iintlungu zezihlunu, kunye neentloko ezibuhlungu. Ngokuqhelekileyo ubucaphucaphu, ukugabha, kunye nesisu esihambisayo okulandelayo, kukusebenza okunciphileyo kwesibindi kunye nezintso. Kweli inqanaba, abanye abantu bayaqalisa ukuba neengxaki zokopha.

Isifo sentsholongwane i-Ebola
Ifoto yango-1976 yabongikazi ababini abeme ngaphambi kwe-Mayinga N., umntu onesifo sentsholongwane i-Ebola; wabhubha kwiintsuku ezimbalwa emva koko ngenxa ye-hemorrhaging yangaphakathi emandundu.Isifo sentsholongwane i-Ebola
Ifoto yango-1976 yabongikazi ababini abeme ngaphambi kwe-Mayinga N., umntu onesifo sentsholongwane i-Ebola; wabhubha kwiintsuku ezimbalwa emva koko ngenxa ye-hemorrhaging yangaphakathi emandundu.Isifo sentsholongwane i-Ebola
Ifoto yango-1976 yabongikazi ababini abeme ngaphambi kwe-Mayinga N., umntu onesifo sentsholongwane i-Ebola; wabhubha kwiintsuku ezimbalwa emva koko ngenxa ye-hemorrhaging yangaphakathi emandundu.
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle
ICD/CIM-10A98.4 A98.4
ICD/CIM-9065.8 065.8
DiseasesDB18043
MedlinePlus001339

Intsholongwane inokufunyanwa ngokudibana negazi okanye ulwelo lomzimba lwesilwanyana esisulelweyo (idla ngokuba ziinkawu okanye amalulwane eziqhamo) Ukusasazeka emoyeni akukabhalwa phantsi kokungqongileyo ngokwemvelo. Kukholeleka ukuba amalulwane eziqhamo athwala kwaye asasaze intsholongwane ngaphandle kokosulelwa wona yiyo. Lwakuba lwenzekile ulosuleleka lwabantu, isifo sinokusasazeka phakathi kananjalo. Amadoda asindileyo anokukwazi ukusigqithisa isifo ngedlozi phantse iinyanga ezimbini Ukuze kwenzeke uxilongo, okuqhelekileyo kokokuba ezinye izifo ezineempawu ezifanayo ezinjengemalariya, ikholera kunye nezinye ii-viral hemorrhagic fever ziqale zikhutshelwe ecaleni. Ukuqinisekisa ukuba iisampulu zoxilongo lwegazi zivavanyelwe intsholongwane yezivikeli-mzimba, intsholongwane yeRNA, okanye intsholongwane ubuqu.

Uthintelo luquka ukunciphisa ukusasazeka kwesifo kwiinkawu neehagu ezisulelekileyo ukuya ebantwini. Oku kunokwenziwa ngokuhlolwa kwezilwanyana ezinjalo kwanokubulawa kunye nokulahlwa ngokufanelekileyo kwemizimba yazo ukuba isifo sifunyenwe. Ukuphekwa kwenyama ngokufanelekileyo nokunxitywa kweempahla zokhuseleko xa kuphathwa inyama nako kungaba luncedo, kwakunye nokunxitywa kweempahla zokhuseleko kunye no kuhlanjwa kwezandla xa ubani ekufuphi kumntu onesifo. Iisampulu zolwelo lwasemzimbeni kunye nezihlunu zabantu abanesifo kumele ziphathwe ngononophelo olukhethekileyo.

Alukho unyango olukhethekileyo lwesifo; imizamo yokunceda abantu abasulelweyo iquka ukunikeza nokuba yi oral rehydration therapy (amanzi aswiti nanetyuwa kancinane ukuba basele) okanye ii-intravenous fluids. Isifo sine-qondo lokufa eliphezulu: sidle ngokubulala phakathi kwama-50% nama-90% abo bantu basulelwe yintsholongwane. I-EVD yaqala yabonakala eSudan naseDemocratic Republic of the Congo Isifo siqhele ukwenzeka siqhambuke kwindawo ezingaselwandle lwe-Sub-Saharan Africa. Ukusukela ngo-1976 (ukuqala kokubonwa kwayo okokuqala) ukuya kutsho ngo-2013, bambalwa kune-1,000 abantu ngonyaka ngamnye abasulelweyo. Okona kuqhambuka kukhulu kule mihla kusaqhubeka ngo 2014 uqhambuko lwe-Ebola lwaseWest Africa, okuchaphazela iGuinea, iSierra Leone, iLiberia kunye neNigeria. Ukusukela ngoAgasti ka-2014 bangaphezulu kwe-1600 abantu abasele befunyenwe. Iyaqhubeka imizamo yokuvelisa ugonyo; nangona kunjalo, ayikabikho okwangoku.

Iireferensi

    Ibhibhliyografi
  •  
  •  
  •  
  •  
  •  
  •  

Amakhonkco angaphandle

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

Inyanga zonyakaAmaMpondoISO 639IMayiniEzemidlaloInkwenkweI-UEFA Champions LeagueISBNIfonetikiIndod'imba kweny'emqoloIV. ABAKWAMGODELIIsifisoUngalahl'imbo yakho ngoPhoyiyana, kuba uphoyiyana uyemka ngomsoIziduko zethuMakhanda (Nxele)ENetherlandsIsakhono sokufundaIsixhobo sokuhamba kombane -IdolophuNgekhulu IVusi novaIHanoveri (eJamani)UJacob ZumaAmanziOrphanUnyawo alunampumloIimpawu zokudibanisa nokuthabathaKumeleb'ibuyiswe ind'ebendalaRobben IslandI-PhosphorusUYesu KristuInkobeIsityaloIziDuko zomzi wakwaXhosaKuxhelw' eXhukwanaI-velocityMinecraftHellas Verona Football ClubOxhel'eyakhe akabuzwaBaré Esporte ClubeIsikhonkwaneIsenziNgumtya nethungaIKapaI-OnchocerciasisIsifo sephephaMozambikhAbaThembuUThixoIsisila senkukhu sibonwa mhla ligquthayoUngcoliseko lomoyaIndaba yotyelo ayikholiSerbsGżiraKuhla ngamqala mnyeV. UKUZALWA KUKALEPOQOPordenoneAlberton, Gauteng''Akukho Nkwal'iphandel'el'enye, ephandel'enye yenethole''IfilosofiIindlela yokuphilaUmthandazoMadagascar (ifilimu ka-2005)Yinyama yamakhwenkweIntaba🡆 More