Iindlela Zokwenza Uphando Lobunzulwazi

lo msebenzi siyakuthi siwenze kumalinge amathathu, afana nqwa, ngaphandle kwezinga lobushushu bamanzi.

Makhe senze umsetyenzana wokuvavanya olu lwazi

r.

  1. Siyakugalela ama-25 eegrams zeswekile kwilitha yamanzi abanda okomkhenkce. Asizamisi. Siqaphela okokuba kuyakuthatha imizuzu engama-30 ukuze kunyibilike iswekile.
  2. Sigalela ama-25 eegrams zeswekile kwilitha yamanzi asendlwini abushushu bawo bungama-(20 °C). Nalapha asizamisi. siqaphela okokuba iswekile ithatha i-15 lonke phambi kokuba inyibilike.
  3. Siphinde sigalele ama-25 eegrams zeswekile kwilitha e-1 yamanzi abushushu bawo bungama-(50 °C). Asizamisi. Siqaphela okokuba iswekile ithatha imizuzu emi-4 kuphela phambi kokuba inyibilike.


Sigqiba kwelithini?

Inye indlela yokwenza kubelula ukubona iziphumo, kukwenza uludwe lwazo, ukwenza uludwe lwazo zonke izinto ezitshintsha mihla le xa sizibeka kuvavanyo. Ezethu ke ziyakuba nje:

Izinga lobushushu Ixesha enyibilike ngayo iswekile
i-1 °C obushushu ama-30 emizuzu
ama-20 °C obushushu i-15 lemizuzu
ama-50 °C obushushu imizuzu emi-4


Ukuba wonke lo msetyenzana wokuvavanya ulwazi ubufana (besingasebenzisanga iswekile eninzi kwelinye ixesha size sibuye nganeno kwelinye ixesha, okanye sibe besingazamisanga kwelinye ixesha njalo, njalo.), besiyakutsho sibenobungqina obupheleleyo bokokuba ubushushu bunefuthe ekunyibilikiseni iswekile ngokukhawuleza.

Nangona kunjalo, Asinakuqiniseka ngokupheleleyo, okokuba akukho nto iyenye mhlawumbi enokuba ngunobangela woku. Umzekelo wesizathu esifuhlakeleyo isenokuba iswekile inyibilika msinya qho xa iswekile eninzi inyibilikele kwindawo enye. Kusenokunabiyo nyaniso oku, kodwa ukubangaba bekunjalo ngenene, iziphumo beziyakufana nqwa: amalinge amathathu awenziweyo, kunye neli lokugqibela kulapho iswekile ibiyakunyibilika ngokukhawuleza nangaphezulu. Ngoko ke, asinaso isizathu ngokuphelelyo esinokwenza sigqibe sithi oku kuyinyaniso okwangoku, singasuka nje sisise iso esi siphumo njengempendulo efanelekileyo okwangoku.

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

Albertina SisuluFransiI-ErizonaUbuhlwempuIshumi elinanyeIngxoxo Enkulu YomGinwa nomKristu - Isiqendu sesi-IIIIHawayiDesmond TutuEyomdumbaUmvundl'uzek'indlelaI-nani eli-cardinal (Ngokwakwa-Linguistics)Periodic tableImbelekoUmtha WelangaIfizikiIphepha ElingundoqoIPhondo yaRhawutiThabo MbekiNkosi sikelel iAfrikaCuritibaAmaXhosaInjaAmashumi amabiniUBilly OceanELuSuthuUkudibanisa/UkongezaArgo TeaICawa emZantsi AfrikaIthobaIHanoveri (eJamani)Isoviet UnionIsiko lolwalukoAmazwi alula omculo wefowuniIshumi elinambiniInzululwaziUmthethoEntlangoU-NgubengcukaISBNUmZantsi Afrika mandulo!!!INigeriaIsiPediNelson Mandela UniversityRio de JaneiroIAustraliaUnyawo alunampumloIBhayiKońskowolaIzifo ezidaleka emoyeniNgoSeptemba 11, 2001 ukuhlaselwaUmZantsi MelikaIsiSotho🡆 More