'AmaXhosa' (isiNgesi: Xhosa people) — AmaXhosa liqela labantu baseMzantsi Afrika elifumaneka eMpuma Koloni.
Aba ngabantu bamasiko nezithethe. Bohlulwe ngokweziduko (Clan names) kunye nezizwe ezahlukeneyo. Izizwe abohlulwe ngazo ngamaGcaleka, amaRharhabe, imiDange kunye namaNdlambe. Kukho nezinye izizwe ezifumaneka kumaXhosa ezo ngabaThembu, abakoBhosha kunye namaMpondo🥰.
Igama elithi isiXhosa okanye igama lamaXhosa lithathwe kwiKumkani yamaXhosa eyayibizwa ngokuba nguXhosa. Yona eligama yaliphiwa ngaBathwa ababesaziwa njengabantu bokuqala. Ngokolwimi laBathwa eligama lithetha ubungqongqo, ubundlobongela kunye nokucaphuka. Emva kokuthiywa kukaKumkani uXhosa kwatsho kwakho iqela labantu elibizwa ngamaXhosa kwaye elithetha isiXhosa. Maninzi amasiko enziwayo kwaXhosa aquka ukuqaba, [[[[AmaXhosa |intonjane]]]] nokwaluka.
AmaXhosa aphuma emaphandleni ayesakuba yiTranskei kunye neCiskei. Amanye ohlukana kubantu bakwaNguni kwimfazwe eyaye yadaleka eyayibizwa ngokuba yiMfecane. Nabo abo bantu babohlukene kwaNguni ikwangamaXhosa kodwa isiXhosa abasithethi ngendlela efanelekileyo kwaye babiza iziduko ezohluka-hlukeneyo futhi baphuma kwizizwe ezahlukeneyo umzekelo: amaMfengu, amaBhele kunye namaZizi.
Aba bantu babizwa ngamaXhosa baneenkolo kunye namasiko. Basebenzisa amabali ukuze basombulule iingxaki zabo. Bakholelwa kuQamata. Ngokwesiko lawo izinyanya zawo ezingooyise mkhulu ababhubhayo zisebenza ukubakhusela. Amaphupha adlala eyona ndima inkulu ukuze umXhosa adibane no Qamata. EMandulo amaXhosa ayeyikhuthalele kakhulu iNkcubeko yawo kwaye ezidla ngayo. Indlela yokuphila yayikukuxabisa amasiko kunye nezithethe.
Kanti ke ngesizingomba izifuba sibeneqhayiya lokuba ooKhokho bethu zange banikezele kwabamhlophe kanti ke nezozizwe zintsundu ziphambili ngoku zalwa zaphumelela kuba yayizizizwana ezinoxolo nobuntu kwaye zingafuni mfazwe.
Ukubaluleka kokuzazi nokuzazisa
"Inkaba yakho iphi?" lombuzo amaXhosa adla ngokuwubuza xa efuna ukwazi ngemvelaphi yakho, umnombo wakho ukutsho, ikhaya , uzalwa ngubani?, yena ezalwa phi?
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article AmaXhosa, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.