Intlalo Kwaxhosa

Hi

Intlalo kwaXhosa

AmaXhosa ngabantu abathanda amasiko abo kakhulu.Amaxhosa akholelwa kuQamatha uthixo wamaxhosa.zikho zininzi iintlanga eziyeleleneyo esixhoseni ezifana namampondomise,amahlubi

IsiXhosa lulwimi olwaluthethwa mandulo kwindawo ezithile eTranskei kwakunye nase ciskie.xa kungoku ke ezo ndawo zaye zadityaniswa zakhupha lento kuthiwa yiMpuma Koloni.AmaXhosa ngabantun abawathanda kakhulu amasiko

Indlela yonkunqula

indlela yokunqula kwaxhosa yahlukile abanye bakhonza uthixo wakwa xhosa UQamatha,abanye omishologu,kunqulwa iminyanya,izintio apho kuthiwa kuyadityanwa nazo,zabe (ngabula bona)zinamandla okubabulala abanganyanisekiyo kwanonokuthamsanqelisa abasakuba bekholekile ekunquleni oothixo beseluHlangeni.Lo Thixo wenyaniso uthethwa ngamakholwa 0lo menzi weenkwenkwezi noozilimela (ngabula baProfeti) ingenkosi noko boku ngade kugotywe kuthiwe "bawo wethu osezulwini" kwakungento yanto yabe ifuna elisuku leSabatha yeNKosi umhla wokuphumla kuyo yonke imisebenzi yakho.bekusuke kungqunganye emisebenzini yemihla nge mihla ngokuzilela ofileyo elapho,mhlawumbi ngokuyibikelwa ngumntu ohamba ngenyawo ukuba makakhwele qegwini lakho ,kuba kaloku iposi le izalise ilizwi ngoluhlobo lwangokun yabe ingento ikhoyo. UThixo lo kwakuthiwa ukubizwa kwakhe ngumdali-uQamatha.athe asaziwa ngale ndlela phofu,suka nako kukhonzwa oomilambo,ndibala ntoni.

Intonjane

eli lisiko lisiko elingentwana nje kumanyange,koko ibisisinqulo elikhulu.umntwana anikelwe komama abasele bekhulile ukumkhunga.ezintombini yinto efana nolwaluko kumakhwenkwe.ngumcimbi obukhutshelwa abantu abakhulu nabanamava.yonke into, kude kuse kwinkomo yokuxhela,ibisemandleni abo.ewe lobakho nolunye usapho olu lukhungileyo ekuthiwa 'lijaka' ngegama.zaye zonke iintombi zakwantonjane,kunye nayo ngokwayo,zingenakutya masi nolubisi njengesithethe sabafazi antsundu xa esemaxesheni awo esifo senyanga.koqala kuvunywe ingonyana ethile ngabafazi xa litshonayo ilanga,nakusasa ekuphumeni kwalo;kanti ke iyangeniswa.angene axele ke umnini-ni ntoyo.yohlala iqela lwentsukwana iphume okokuqala, emva koxhelwa kwenkomo yomdudo wentonjane.intombazana ihlaliswa yodwa kumanye amalungu osapho,apho efundiswa khona ngezinto zobufazi nendlela yoziphatha,nokulungiselela umtshato.amantombazana afundiswa amaxanduva namalungelo .Igusha exhelwayo ibizwa ngoba ngumngena ndlini.igusha zisixhenxe ezixhelwayo ngosuku lokugqibela lomcimbi,inkomo iyaxhelwa ukutshatela intonjane.emini maqanda ngayo imini leyo yetheko,ukuhambisana nesiko,intombazana kufuneka ihambe ngaze ijikeleze amasango ephethe imbiza.wonke amaxesha xa kuhlwayo amakhwenkwe namantombazana asekuhlaleni ayadibana ukwenza imidaniso yesixhosa ngokwesiko labo,beveza izakhono zabo.ngesuku lesumi intombazana inxityiswa imibhaco,iqhiya emnyama nje ngoku phantsi kwendlelwe isikhumba senkomo,ngaphandle ingca itshisiwe,xa kuhlwayo uingca entsha ibekwa phantsi nje ngoba intomb ikhulula impahla zakhe ebuyela eluzileni.Ngesuku lokugqibela,abadala kuye bamsa ekhayeni lakhe ukuyonika ingxelo kwabantu bakokwabo kunye namanye amalungu osapho ukuyonika inkcazo.

Intlalo Kwaxhosa 
Xhosa-children

Imbeleko

Imbeleko ngumcimbi owenzelwa abantwana abasebancinci ngenjongo zokubazisa kwabaphantsi bakwisapho.abantwana bonke bakweli sapho bayayenzelwa imbeleko.Nangona yenzelwe abantwana,nabantwana abasebekhulile sele belulutsha bayalenza elisiko.Kunganzima ukuba umntwana aye kwelinye isiko njenge suiko lolwaluko ukuba abalenzanga elui siko. kuye kuxhelwe igusha ngenge phawu ukunikezela kwabaphantsi.Unina kumele atye inyama esikwe emlenzeni wegusha leyo.Abadale bathi benze intetho kwabadela bacela bamamkele,bayibonise kwaye balu khusele usana.lento ivanyiswa ngokwenziwa apha kwa xhosa.

References

Tags:

Intlalo Kwaxhosa Intlalo kwaXhosaIntlalo Kwaxhosa Indlela yonkunqulaIntlalo Kwaxhosa IntonjaneIntlalo Kwaxhosa ImbelekoIntlalo Kwaxhosa

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

Mariya, umama kaYesuIhlabathiBrakpanAkukho nzwan'ingenasiphakoUkuthethaUmqeqeshi wezemidlaloIyunivesithi yaseMzantsi AfrikaIBotswanaGxikigxaSiyandaOxhel'eyakhe akabuzwaIMayiniEsikaPhaphaImbilaUmxubeIsifundoSantiagoMexicoIsiziba siviwa ngodondoloIndlovu ayisindwa ngumboko wayoIVenusSwitseriiEMzantsi AfrikaIpopulationApple III-UNESCOIBayoloji2014 FIFuRoni da FutbollERomaI-NeurologyAmathumbu esikhweneneAmabheleUmoyaI-OhayoMakhanda (Nxele)IilwandleIgolideIpolisa (igosa)Ibhunga lezokhuseleko leZizwe eziManyeneyoIthoyilethi yomngxumaIfonetikiUkuba nguQelezanaValparaísoUKatAmashumi amabiniIdamiImfundoUkhwekhwe lwexhwiliI-Particle physicsEyomsintsiISpainInkomoUlwimi lwesiLatiniI-MathematicsI-asexual reproductionIntabaUEsawuI-MoleculeNiameySalernoUkuba neentloniI-e-mailOmanIngxabano yama-Arabhu namaSirayeliIsisila senkukhu sibonwa mhla ligquthayoISO 639-1InkobeIsifo esosulelayoIiholide🡆 More