Igolide

Igolide sisimbiwa'' esithambileyo, esinobunzima, nesimenyezelayo.

Isetyenziswe ngabantu amawaka-ngamawaka eminyaka kwihlabathi lonke jikelele, ukwenza ijewelary, ukuhombisa, nokwenza imali. igolide yayibalulekile kuba yayinqongophele, kananjalo kulula ukuyisebenzisa xa kuthelekiswa nezinye izimbiwa. Ikwasetyenziselwa ukungciba amazinyo nakwizixhobo zeentambo zombane ezifana neecomputer. umbala wale metali nawo kuthiwa golide.

Igolide
Igolide inugget, igama elinikwa iqhekeza legolide elifumaneka ngokwendalo. kodwa le igolide eyinugget inkulu.

Iindlela ekwembiwa ngayo igolide ifana nqwa naleyo kwembiwa ngayo ezinye izimbiwa. Ixabiseke kakhulu igolide kangangokuba ukufunyaniswa kwendawo entsha yesi simbiwa ide yenze ngamanye amaxesha ugxabhagxabhiso ekuthiwa yi''gold rush''

Iimpawu zekhemikhali

Kwa-Khemestri, igolide ngumba wekhemikhali 79, isimbiwa esigqithisayo seQela le-11. Inobunzima beatom obuli- 199.96 a.m.u. Uphawu lwayo yiAu, livela kwigama kwisiLatini legolide, i-aurum. Sisimbiwa esi noble oko kuthetha okokuba sinechemical reactivity ephantsi.

Igolide ithambe kakhulu. Igoldsmith Ingayikhanda ngesando itsho ibengamacwecwana abhityileyo. ikwatshintsheka, loo nto ithetha okokuba isengatsalwa ibelucingo. xa isetyenziswa emalini okanye kwijewelry, isoloko ixutywa nesilivere okanye nezinye izimbiwa ukuze ibe buqina.

Uninzi lwezimbiwa zingwevu ngebala. Igolide iqanda ngenxa yendlela ezisebenza ngayo ii-electron. Esinye isimbiwa nekukuphela kwaso ukusoloko sisetyenziswa nesingekho ngwevu ngombala yicopper.

Ulwimi nenkcubeko

Igolide 
uNancy Johnson kwiOlympiki nembasa yakhe yegolide

Igolide ingathetha okokuba into ethile okanye umntu othile wenza kakuhle kakhulu okanye uqhube kakuhle kakhulu. Imbasa yegolide isoloko inikwa umntu ophume phambili kugqatso okanye kukhuphiswano lwezemidlalo.

Imithombo

Tags:

AmazinyoImali

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

RhulumenteCook OutNonkalaAbaThembu''Akukho Nkwal'iphandel'el'enye, ephandel'enye yenethole''I-e-mailUmlambo iAmazonISO 639-3ItsweleIJapaniUkhwekhwe lwexhwiliTélé TchadImpembelelo kokusingqongileyo ngesifo esingubhubhane i-coronavirus ka2019-2020I-DemocracyHamburgIwikipediaMalala YousafzaiIphepha ElingundoqoIsiziba siviwa ngodondoloRepublic of KoreaInkqubo yamazwe ngamazwe yeeyunithi zokulinganisaOstreliyaITeknolojiIntlanziInyongoImfundo eMzantsi AfrikaUkukhululekaI-Hughes Dam (indawo yokugcina amanzi e-Australia, kwiLizwekazi laseVictoria)U-Buyelekhaya DalindyeboUnolaliInja eluhlobo lweGermanshep1Ijet lagIAstronomiEGenevaRuth MompatiUkutya kwamaMpondoSlovakiyaImfazweUMzantsi AfrikaSixhenxeUEFAUYesu KristuUmgadaIhlabathiSolomon Tshekisho PlaatjeU-NgubengcukaAbdourahamane TchianiUmbutho wooSompempe baseItaliThe CarpentersAbantuMthathaIReal Madrid v FC Barcelona (1943 Copa del Generalísimo)GugulethuIngxoxo Enkulu YomGinwa nomKristu - Isiqendu sesi-IIIUnikonikoInto ayibethwa ngankanaUmhlaba🡆 More