Isele

Amasele aziiamphibians ngokulandelelana kwakwaAnura.

Akukho mahluko ungakanani phakathi kwamasele nnoonomanhekemfu, kwaye azichazwa ngokwahlukeneyo. Unobangela woku kukuba intlalo yoonomanhekemfu, nezikhumba zabo ezomileyo, ezirhwexayo, yinto eziyifumene ngenxa yokuhlala kwiindawo ezomileyo. Indlela abamile ngayo oonomanhekemfu iye izitshintshela ngokuzitshintshela amaxesha-ngamaxesha, ibe ke ngumzekelo wokuguquka kwezilwanyana zibeneempawu ezifanayo ngenxa yokuhlala ndawonye.

Isele
Isele ekuthiwa yiHip-pocket, Assa darlingtoni, fantastically well camouflaged
Isele
Inkunzi Dendropsophus microcephalus: its vocal sac is used to croak
Isele
European fire-bellied toad (Bombina bombina)
Isele
Isilumkiso esimabalabala somthi oyityhefu umthi wesele: i-Strawberry isele elinetyhefu lineealkaloid ezininzi ezibulalayo

Amasele angahlala emhlabeni nasemanzini ahlaziyekileyo. Akanakuphila emanzini anetyuwa. zikhula ngemetamorphosis. Ziqanduselwa njengezabonkolo ezivela emaqandeni, azalelwa zimazi zamasele. La maqanda ke abizwa ngokuba zii frogspawn. Izabonkolo zinemisila kwaye zinegills. Xa zikhula, le misila kunye neegills ziyaphela kuze kukhule imilenze emine nemide.

Amasele amadala angatsiba ngemilenze yawo. Anamalwimi amade awasebenzisa ukunqakula izinambuzane. Enza isandi ekuthiwa yicroak. Ezinye iintlobo zawo zihlala emithini, zize ezinye iintlobo zamasele zikhuselekile ngokuthi zibenetyhefu. Amasele ahlala kulo lonke ihlabathi. Ukuba usapho lwesele oluthile lolwaphesheya kweelwandle luthi luziswe kwelinye ilizwe, iecosystem ingachaphazeleka.

ngamanye amaxesha imilenze yamasele iyatyiwa njengokutya eFrance, eChina, naseMidwest yaseUnited States. Ukubulawa kwamasele kungachaphazela iecosystem. Umzekelo, amasele atya iingcongconi. Ukuba ke ayabulawa amasele, oko kuyakuthetha okokuba ambalwa amasele azakutya iingcongconi, kuze kuye kusanda ngokwanda ukuzalwa kweengcongconi. Ngoko ke, kwezi ndawo, zininzi izifo ezithwalwa ziingcongconi, kuba zininzi iingcongconi. kodwa ke, ukuze oku kwenzeke, amasele kufuneka abe ngawona ajongene nokubulala iingcongconi. Oku akusayikufane kwenzeke.

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

ImiphungaULebu MathosaEsperantoUngalahl'imbo yakho ngoPhoyiyana, kuba uphoyiyana uyemka ngomso1960 Campeonato Brasileiro Série AHamdaraUkutya kwamaMpondoMoscouV. UKUZALWA KUKALEPOQOUmZantsi MelikaISO 3166ParisUmNtla MelikaInkululekoAS GNNISivumelwano saseVersaillesHilde HolgerInyongoNgumthi nexoloZemk'iinkomo magwalandiniParmaIngwe idla ngamabalaDaoucheSävsjöClements KadalieI-oxygenI-InterlingueIzibuloIWashingtonE-ChicagoIntlalo kwaXhosaIsikhululo seenqwelomoya saseAmsterdam SchipholMagema Magwaza FuzeIShayinaAthletic Club (MG)ImbilaUmjelo waseMonteranoCook OutMahalapye (ilali)InkomoClube Atlético MetropolitanoUEFAUlwimi lwesiLatiniAlakossIsarhaSolomon Tshekisho PlaatjeIsityeba mva sinqol'intabaEdirneSlovakiyaUMshweshweKuhla ngamqala mnyeI-phytoplanktonInzululwaziLe Fabuleux Destin d'Amélie PoulainUkuxhatshazwa kwabantwana ngesondoIsibizoStation laseNarrandera🡆 More