Ingwe Idla Ngamabala

Kukho iintlobo ezithile zamarhamncwa eziyelele kunene kwiingwe ezi, nangemigqumo, nangoburhamncwa bazo, de abantu bangazicoseleli kakuhle ukuziqonda iindawo ezahluke ngazo, ubuqu bengwe nobehlosi, bagqibe mpela ukuba ihlosi yingwe, okanye ingwe lihlosi.

Ke ingwe le bekufuneka iqondwe kakuhle ukuba iyintoni na, neempawu eyahluke ngazo. Iminweba yengwe ibifudula isambathwa ziinkosi namaphakathi anamagama; ke ngoko ulusu lwengwe yinto ebisiwa komkhulu kuba ibingafane yambathwe ngabantu nje kodwa; ke ngoko ibikhangelwa kakhulu ukuba yiyo asiyiyo kusini na. Olunye ke uphawu ibingamabala ayo. Bekuthi xa kuthe kanti kukho nezamahlosi izintsu, zibehle zikhethwe kwezengwe ngenxa yohlobo lwamabala azo, zifumane inani elingaphezulu ke ngoko kunezamahlosi. Lavela apho ke elo qhalo.

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

SebeEssendon AirportUkuzalwa wedwa ngumlu wanyamaI-EshiyaZondeni SobukweIxhama litolwe ngabaThwaJoe Slovo ParkAmampungeDiepkloofIsisila senkukhu sibonwa mhla ligquthayoIsiMpondoInjaV. UKUZALWA KUKALEPOQOINabraskhaUlwalukoISO 639Microsoft WindowsAmaXhosaInkokheliIsifo se-Coronavirus 2019IWashingtonUmntu asint'izityand' igilaIilwimi zaseNiger-Congo11 (inani)Neptune (i-astronomy)Uvavanyo lweMount LemmonUngcoliseko lomoyaSlovakiyaIYukreyiniUlwandle olumnyamaIintsomiEyekhalaINamibiaAnne boleynUlwimi lwasiFrentshiMichael JacksonIpolisa (igosa)IYunayithedi SteyitsiUHans Christian AndersenIPolandI-AccelerometerJuventus Football ClubLuhlazaGeorge W. BushEswatiniI-pancreasEThekwiniIZimbabweI-ErizonaI-geneI-computer hardwareIncwadiIsifisoInto ayibethwa ngankana1Akukho nkang'idubul'ingethiUkuhamba kombaneIsifo sephepha🡆 More