Ulebu Mathosa

ULebo Mathosa (17 kaJulayi 1977 – 23 kaOktobha 2006) waluqala ubizo lwakhe neqela iBoom ShakalaseMzantsi Afrika elalisaziwa kakhulu ngomculo ngo-1994 eneminyaka eli-15 ubudala, emva kokuba ethe waxhwila iliso lomfo owayengumdidiyeli weengoma uDon Laka kwintlangano yombutho owawuse Goli.

Wayengomnye wabambalwa kumantombazana anempumelelo kumculo wekwaito kuba kulapho kwakukhonya amadoda khona.

Uthe ukusuka apho wayimvumi ezimeleyo ngo1999. Itayitile yecwecwe lakhe yayisithi Dream, laba sele lifumana imbasa yegolide kwiiveki ezine likhutshiwe ngo2000. Kumsitho omkhulu weSouth African Music Awards owawungo-2001, uMathosa waphumelela imbasa ngengoma yakhe ;'dream' ekwakuyeyona ngoma ekwathi kwajuxuzwa ngayo neyayiphuma kwakweli cwecwe, kananjalo waphumelela imbasa ngokuthi abeyeyona mvumi igqwesileyo ngelizwi layo kwabasetyhini. Icwecwe lakhe elilandelayo, elithiDrama Queen, lakhutshwa ngo2004, kwakhona waphumelela imbasa iSA Music Award ngokuba lelona cwecwe ekwakujuxuzwa ngalo.

Ngo2004 wabayintshatsheli yeSouth African pop charts, waza ngo-2006 wachongelwa imbasa yaseBritane MOBO (kuluhlu olugqwesileyo eAfrika) . Waba yimvumi eyayihamba kulo lonke ihlabathi, athi eseMzantsi Afrika abe eseMalaysia de aye nase Trafalgar Square eLondon, eminye yemiboniso yakhe eyathi yabalasela kuxa wayekwingxikela yesikhumbuzo sokuzalwa kukaNelson Mandela seminyaka engama85 ezelwe. Wandwendwela naseUS kumboniso owawusaya kubizwa ngokuba yiThe Vagina Monologues. imbonakalo yakhe kuloo mboniso yayibonakalisa umyalezo omhle ngomntu wasetyhini nekwakuyinto ayiyo uMathosa, nekwankunguye, ngokutsho kombhali uZine Magube, owasuka wangumzekelo omhle kulutsha olungamantomabzana eMzantsi Afrika, [xa umbonela kude] okokuqala ubangathi ubethelela ekwafundisa abo bacinga gwenxa ngesini somntu wasetyhini omnyama. Abanye abakhi mnya batthi amalungu angabantu basetyhini kwiBoom Shaka asebenzise 'iziqwempu zempahla, bajikelezise izinqe, bevuselela ubuni eqongeni ngelithi baphakamisa izimvo zabantu ezahlukeneyo.'" Ubufazi obungangxengwanga budibene nendlela abonakalisa ngayo isini sakhe eqongeni babukhwankqisa ngakumbi de wathiywa igama lokuba ngu"Madonna omtsha wasezilokishini".

Imithombo

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

MelikaInkwenkweIsixhobo sokuhamba kombane -Iziduko zethuI-oxygenIzihlomeloImikhwa yakwaNtuIPhondo laseMpuma-KoloniEZambiaVusi novaYindaba yakwantombiIndlal' InamanyalaUnyawo lwemfeneILondonNorthern IrelandEKomaniUmgangatho wobugcisaXhosa musicDe jureITanzaniaIzinyoUmqalaEzemidlaloInkokheliValparaísoImotoAmanziIzintsoIngwe idla ngamabalaUsapho (lwakwa Bayoloji)IVeniceI-KhandidaIRashiyaImaliIfilosofiUkuxhatshazwa kwabantwana ngesondoIsiziba siviwa ngodoloIntaba-mliloNarutoInkukhu isikwe umlomoIpalamenteIngxoxo enkulu YomGinwa nomKristu - Isiqendu sesi-IIEyomdumbaUkuhlukunyezwa kwesiyobisiIgaziIindlela yokuphilaUlwakhiwo (ibhola ekhatywayo)ISpainItshesiZinder RegionKumeleb'ibuyiswe ind'ebendalaIPhondo yaseMntla-NtshonaIndebe yeSerie C yaseItaliE-Marin CountyUZaharaJohn Langalibalele DubeMustafa Kemal AtatürkSlovakiyaUkutyaIntlalo kwaXhosaI-South Pole🡆 More