Kumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala

Ndingaphozisanga maseko mandingene emxholweneni mawethu


Kumeleb'ibuyiswe ind'ebendala

Ukulahla imbo ngophoyiyana

AmaXhosa anengxaki yokuthabatheka athethe iilwimi zezinye izizwe elahla imbo yawo ngophoyiyana alibale ukuba uphoyiyana uyemka ngomso.Ezinye izizwe ziwajongela phantsi kunendlwane yenkukhu amaXhosa ngenxa yemikhuba ayenzayo.Abantu abaNtsundu kuxhaphakile ukubeva bethetha isiNgesi ngenjongo yokuba besithi ulwimi lwabo lwenkobe akukho apho luzakubasa khona.Xa ungumntu kubalulekile ukuba uzingce ngobuntu bakho kuba lonto ichaza intsukaphi nentsingaphi yakho.Amaphupha akho ayafezeka xa ungumntu ozaziyo,akufuneki uzithandabuze kumele wazi ukuba uThixo wakubeka ngesizathu kulwimi lwakho.Xa ungumntu kumele uluxabise ulwimi lwakho kuba ulwimi lunxulumele nenkcubeko yakho. Xa kunokubuyiswa indebe endala zingatsho zihambe ngendlela izinto zakwaxhosa.Into iqala apha esinxibeni xa unokujonga apha phandle akukho nomnye umntu osanxiba isiNtu,bambi bazinxiba ngemini yeNkcubeko kuphela,ukanti inkonde zakuthi bebezixabisile izinxibo zakwNntu.Pha! mandulo bekunxitywa inkciyo.Inkciyo ibisogquma indawo ezifihlakeleyo kuphela. Luphelile ulutsha lwakuthi ngenxa yokulahlekiswa zizinto zabantu bangaphandle.Ukuphumelela kwabantu abantsundu kunqongophele ngoba bazibandakanya ngezinto ezibachihayo endaweni yokuba zibakhe.Eastern_Cape Abantu abaninzi abasawenzi amasiko kanti ke isiko yinto ebalulekileyo ngoba xa ungayenzanga iyakulandela,ukanti abanye bathi sele bewenza bawenze ngendlela engeyiyo umzekeloAbanye abantu bolukela ezibhedlele koko bekungenziwa oko kusadliwa ngendebe endala.

Izinto ezixatyisiweyo kwaXhosa

KwaXhosa 


1.Amasiko

2.Uncwadi lwemveli

3.Izithethe

Uncwadi lwemveli belusenziwa xa kuchithwa isithukuthezi umzekelo iintsomi zenziwa ngexesha langokuhlwa,zithandwa ukwenziwa zinkonde ngenjongo yokuhambisa ixesha langokuhlwa.Pha!mandulo bekungavumelekanga ukwenziwa kweentsomi emini ngoba kukho inkolelo ethi xa usenza intsomi emini uzakuphuma amaphondo entloko. Ubudlobongela bebunqongophele ngoba abantu abantsundu bebedla ngokozonwabisa amaxesha amaninzi.Ukubulalana kwabantu ngendlela ezimasikizi bekungenziwa.Emicimbini bekuculwa iingoma zakwaXhosa,kuxhentswe,kungqungqwe njalo-njalo.Xa kunokwenziwa izinto ngondalashe kungatsho kubekho uxolo nothando eMzantai Afrika.Uqhawulo mtshato yinto ibingafane yenziwe,kodwa namhlanje sigagana nalo umhla nezolo phofu unobangela kukulahlwa kwendeb'endala,ngoba kudala bezingafane zenziwe ezo zinto.Into ibixhaphakile ibikukubanabafazi abaninzi phofu ke ibisenziwa ziinkosi lonto amaxesha amaninzi.Kule mihla siphila kuyo abantu abangamabhinqa ababathobeli abantu abangotata lonto ikhokhela ukuba abantu abangoomama baphele sele benzintloko zamakhaya.' Amantombazane ebethwala kudala,umntu ebesendela emntwini angazange wancuma naye kodwa ekugqibeleni bebephela sele bathandana.

Ilobola

KwaXhosa ebethi umkhwenyana xa etshate intombi yasemathileni akhuphe iinkomo ngenjongo yokulobola.Injongo yezinkomo ibikukwakha ubuhlobo phakathi kweentsapho.Kule mihla siphila kuyo izinto zitshintshile azisenziwa njengamandulo.Namhla kulotyolwa ngemali endaweni yeenkomo,mali leyo uye ufumanise ukuba ivela kwakulentombazana ilotyolwayo.

Umakoti ebethi xa efika emzini abenendawo azizilayo.Umakoti akangeni ebuhlanti ngenjongo yokuhlonipha izinyanya zasemzini wakhe.ilobola i ifuneka uze ukwazi ukondla

Intombazana

Intombazana ibifudula inqulwa ixatyisiwe ithandwa njengentyantyambo kwaXhosa kuba yayidla ngokungenisa iinkomo emzini.Bekude kuthiwe ilizwe liyintombazana ngenxa yendalo yalo entle. Umfana ubesithi akubanjwa entangeni yentombi anyotyiswe inkomo nokuba yibhokhwe.Ibingenziwa le nto,esele isenziwa kule mihla.Bekuthi kwakuqondwa ukuba kukho umfana enangeni yentombazana kubekwe ubulongwe emnyango walo ntanga ukuze umfana lowo abubone xa aphumayo. Intombi bezihamba ngamabele mandulo.Lonto ibibangela ukuba kubelula ukubona intombazana engaseyiyo intombi nto.Abantu abangomama bebenoxanduva lokugada abantwana abangamantombazana.Bekubakho ixesha lokuhlola amantombazana ukuqinisekisa ukuba asaziphathye kakuhle na.Umntwana oyintombaza ebenoxanduva lokwenza umsebenzi wendlu ofana nokupheka,ukutheza,ukuchola amalongwe,ukukha amanzi njalo-njalo.

Mzi oNtsundu siyintlekisa kwezinye izizwengenxa yokuba ngamalulwane wona angazaziyo ukuba ingaba ayintaka okanye impuku.Indeb'endala kumele ibuye ngoba uyatshabalala umzi omnyama.Ndihlaba ikhwelo ndithi masibuyele kundalashe.Masingavumeli nayiphi imimoya isahlukanise nemvelaphi yethu.Masime sithi nkqo sizazi ukuba singobani kwaye sivelaphi na.Uhlanga olumnyama lulahlekile madoda.

Imithombo

Tags:

Kumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala Kumelebibuyiswe indebendalaKumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala Ukulahla imbo ngophoyiyanaKumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala Izinto ezixatyisiweyo kwaXhosaKumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala IlobolaKumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala IntombazanaKumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala ImithomboKumeleb'ibuyiswe Ind'ebendala

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

I-AyidahoEGenevaImbaliUmchamoUkuzidla ngezinto ngemvelaphi yakhoUbuhlanga eMzantsi AfrikaEsihleliyo sidl'ukuhlala, esiphilayo sesithwethwayoGrinder yendalo yonkeIqhenqaVallettaIchizaUrana FCAbaThembuIndodaMatatiele2014 FIFuRoni da FutbollIAstronomi''Akukho Nkwal'iphandel'el'enye, ephandel'enye yenethole''Oxhel'eyakhe akabuzwaIsiXhosaZenzile Miriam MakebaIsifo sephephaUbuhlwempuThe CarpentersIimpawuU-NgubengcukaEstoniyaBeyoncéCook OutIsibhukubhuku somzimbaIshumiISO 639-3Masizingce ngelwimi zethuIShayinaI-chromosomeIsityaloInyongoIGAMA LOBUSUTHUSosna-RIndlalaAugustusFalwelImfazwe ka MlanjeniIhlathiInehibi yamanzi ifa ngamanzi, eyezikhali ifa ngezikhaliIpolisa (igosa)ImozuluIMahikengMthathaNgo-2022 ukuqhuma kweBhulorho yaseCrimeaULebu MathosaIntliziyoIqakambaMboAmaqhalo amaXhosaMelikaIsakhonoIwikipediaUmzaliI-discourseInkululekoUdidi lokuqalaYenkomoUkohluka, ukulingana, kunye nokufakwaUxam wakholwa ngamantintinti🡆 More