Igosa lepolisa ngumntu osebenzela isipolisa.
Umsebenzi wegosa lepolisa kukuqinisekisa okokuba abantu bathobela umthetho. Akusingawo onke amapolisa anxiba impahla efanayo (i-uniform) nazulazulayo. Amanye amagosa amapolisa anemisebenzi eyodwa, efana neyobucuphi, amagosa ezendlela, okanye ajongene nokulawula izinja. Kwamanye amazwe, akungawo onke amapolisa aphatha imipu, ngoko ke igosa lepolisa lingazikhethela ukuba lisebenzise umpu emva kokuba sele linamava ngokwaneleyo.
Njengenxalenye yomsebenzi yabo, amagosa ezobupolisa anamalungelo angaxhamlwayo ngumntu ongelopolisa. Oku kuquka igunya lokubamba umntu abacinga okokuba wophule umthetho, igunya lokusetsha umntu, igunya lokumisa iinqwelo mafutha liphile lizilawule, igunya lokubuza umntu ukuba ungubani na igama lakhe nokokuba ithini na idilesi yakhe, igunya lokukhupha amatikiti liwanike abantu okanye igunya lokuhlawulisa abantu okanye lokubenza beze kwinkundla yamatyala. ngaphandle kwala magunya ipolisa alinakubanakho ukulawula ekuhlaleni.
ukuba ligosa lezobupolisa kunganobungozi. Amagosa amapolisa ayabulawa okanye alinyazwe zizikrelemnqa ngamanye amaxesha xa ethe athunyelwa kwiziganeko ezithile. Yhiyo le nto kufuneka ephethe izixhobo ezifunekayo ukuze bazikhusele. Amagosa ezebupolisa anelungelo lokuphatha izixhobo, ezifana nemipu okanye i-baton ukuze balumise ulwaphulo mthetho nokokuba sele umthetho ojongene nezikhali sele ungqingqwa kangakanani na kwaye uphelele kuluntu lonke.
Kumazwe ngamazwe, amagosa ezobupolisa anikwa izixhobo ezahlukeneyo ukuze akwazi ukuhlangabezana nolwaphulo mthetho okwilizwe labo. Onke amagosa ezobupolisa axhobe ngezikhali anokuzisebenzisa ukuze bazikhusele okanye bakhusele abanye abantu abadinga uncedo. Uninzi lwamagosa ezobupolisa aphatha ezi zinto zilandelayo:
amagosa amapolisa kufuneka ajikeleze ebaze amehlo abukhali aze aphinde aphendule kwiziganeko ezingxamisekileyo ngokukhawuleza. Amanye amagosa amapolisa ayakuzulazula ngeezikatshiwo, kodwa ke uninzi lwamapolisa azulazula ngemoto okanye inqwelo yamapolisa. Oku bakwenza ukuze bakwazi ukufumana iziganeko ezenzeka ngokungxmisekileyo ngokukhawuleza bexhobe befe amacala. ngamanye amaxesha amagosa azulazula ngeebhayisikili, ngezithuthuthu, okanye ngamahashe kuba bakhethelwe ukuba basebenze kuloo ndawo.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Ipolisa (igosa), which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.