UMzantsi Afrika uneelwimi zaseburhulumenteni ezilishumi elinanye.
Zezi: isiBhulu, isiNgesi, isiNdebele, isiSuthu saseNtshona, isiSuthu, isiSwazi, isiTswana, isiTsonga, isiVenda, isiXhosa kunye nesiZulu. Uninzi lwamemi baseMzantsi Afrika (olungaphaya kwama99%) luthetha enye yezi lwimi njengolwimi lwabo lokuqala. Uninzi lwabemi boMzantsi Afrika luyakwazi ukuthetha iilwimi ezimbini nangaphezulu. phambi komnyaka ka-1994, uMzantsi afrika wawuneelwimi zaseburhulumenteni ezimbini kuphela, kusisiNgesi nesiBhulu.
Template:Legend Template:Legend Template:Legend Template:Legend Template:Legend Template:Legend | Template:Legend Template:Legend Template:Legend Template:Legend Template:Legend Template:Legend |
Kwinguquleleo yolwimi lwesiNgesi yoMgaqo siseko waseMzantsi Afrika, zibizwa ngamagama esiNtu nekungamagama abizwa ngeelwimi zawo. Ulwimi lwesiZulu kuthiwa isiZulu, ulwimi lwesiXhosa kuthiwa isiXhosa, njalo njalo. Iilwimi ezidweliswe kumGaqo siseko nazi: isiZulu (Zulu), isiXhosa (Xhosa), isiBhulu(Afrikaans), isiSepedi (Northern Sotho), isiTswana (sseTswana), isiNgesi(siNgesi), isiSuthu (isisuthu saseMzantsi), Xitsonga (Tsonga), isiSiswati (isiSwati), Tshivenda (isiVenda), kunye nesiNdebele (Southern Ndebele).
EMzantsi Afriks, isiNdebele sazeMazantzi saziwa kuphela ngengesiNdebele, kuba kaloku uninzi lwamaNdebele aseNtshona luseZimbabwe. Kwinguqulelo yomGaqo siseko ka-1993 xa kuthethwa ngeNorthern Sotho kuthiwa Sesotho sa Leboa, kodwa eka-1996 inguqulelo kuthiwa sisiSepedi. Amasebe ngamasebe karhulumente kunye nemibutho yaseburhulumenteni isebenzisa amagama ahlukeneyo xa ebhekisa kwisiSuthu saseMntla]].
Olona lwimi lusetyenziswa ngurhulumente sisiNgesi. Zombini isiBhulu nesiNgesi zibaluleke kakhulu kushishino. Uninzi lwezinhanha (izityebi) zeli loMzantsi Afrika zithetha isiBhulu nesiNgesi.
Ezimbini kwiilwimi zaseburhulumenteni zezaseNtshona naseJamani(isiNgesi nesiBhulu). Ezinye iilwimi eziluthoba zezesiNtu. ezine zeelwimi zesiNtu ziyinxalenye yeosapho lweelwimi zesiNguni (isiZulu, isiXhosa, isiSwati, isiNdebele). Ezintathu kwiilwimi zesiNtu lulwimi lwesiSuthu-nesiTswana (Northern Sotho, Southern Sotho, nesiTswana). isiTsonga lulwimi lweTswa-Ronga. Kananjalo uMzantsi Afrika unolwimi lwezandla kuzwelonke. ulwimi lwezandla lwaseMzantsi Afrika.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Iilwimi zaseMzantsi Afrika, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.