Izinto Azimntakangqika

Eli qhalo lizekelwe kunyana woNobutho, umkaNgqika, oliqadi lakoSuthu, ogama linguMatwa, obezalana noMaembu noTente.

Lo Matwa ubeligosa elikhulu lakulombombo elikhe lawuphethela kakhulu umzi, laza lada laduma lacandizwe nangokukhalipha kwalo, udumo olude lwaya kufikelela nakwaGcaleka. Le nto ingamatwa zizinto ezifanayo zilingana, kuthiwe ke ngamatwa, okanye kuthiwe zitenqwa, zithene totse, kude kutshiwo nokutiwa, zingamatwa totse. Lihl'apho ke eli qhalo. UMatwa lo ubethandawa kunene kulo mzi kaNgqika. Bekukholisa ukuthi xa isincoko singaye, libe bucezelwa igama lakhe ukuthiwa pa, kudle ngokuthiwa:-"Kwathi, kwathi umntakaNgqika." Yaabonakala sel'iguda loo ndawo, yamdumela kanye, wade wangathi nguye yedwa ongumntakaNgqika. Nanamhla uthi owahlula into enkulu kwenye athi:-"Ewe zinkulu zombini, kodwa ke noko azimntakangqika, oko kukuthi, aziMatwa."

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

Isisele sombinzaISO 639-2William ShakespeareKumeleb'ibuyiswe ind'ebendalaI-AyowaIlihloIntaba-mliloSteve BikoCecilia Lillian TshabalalaIshumi elinesibhozoSwidenIntsholongwane i-ZikaEmpoli Football ClubVI. UBUKHWENKWE BUKAlEPOQOIseleI-diffusionUkucinezeleka kwamaninaISO 3864Iilwimi zaseMzantsi AfrikaInkomoI-AfrikaKhayelitshaIsiBhuluUlwaluko1972 Campeonato Brasileiro Série BUkuzalwa wedwa ngumlu wanyamaLeishmaniasisIndod'imba kweny'emqoloAjentinaUkhwekhwe lwexhwiliI-IlinoyiIziphawuliMariya, umama kaYesuVietnamIshumiI-BloodbathGordon's BayIntabaUruguwayiEGoliUmNtla MelikaInkokheliIsikoloUlwandle olumnyamaEntshona GreenlandicKing Cetshwayo District MunicipalityUkuthethaIqwarhasheUmntu asint'izityand' igilaOstriyaIngxabano yama-Arabhu namaSirayeliUbugcisaIKhemistriUkuzalwa wedwa ''ngumlu'' wanyamaAmaMpondoIshumi elinesixhenxeImbila yaswel'umsila ngokuyalezelaOonobumbaRobben IslandESkotlani🡆 More