Amampondo

Umhlaba obizwa ngokuba kusemaMpondweni, ngumhlaba wamaMpondo ekungoyena mhlaba mkhulu eTranskei.

Eyona nto adume ngayo amaMpondo yeyokokuba akahlukani lula nobuMpondo bawo. Ayazingca ngolwimi lwawo lwesiMpondo.

Amampondo
Isizwe samaMpondo eMpuma-Koloni

Xa sithetha ngamaMpondo kweli phepha sizakucangcatha phezu kwezi ngongoma zilandelayo:

Amampondo

Umhlaba obizwa ngokuba kusemaMpondweni, ngumhlaba wamaMpondo ekungoyena mhlaba mkhulu eTranskei.

Yintoni isiduko midaka yakowethu? Eyona nto ibalulekileyo kukwazi okokuba akukho hlanga lungenasiduko salo, kungaske kube ezinye intlanga azithi 'siduko' kodwa uzalwano ngeziduko nangemvelaphi yabantu kukho kuzo zonke iintlanga. Wonke umntu apha emhlabeni unomnombo wakhe avela kuwo, ngokwendawo okanye ngokuzalana. Ibaluleke kakhulu ke loo nto. Zininzi ke indlela esingayilandela ngayo imvelaphi nobuni bomntu.

EmaMpondweni, njengaye wonke umntu ontsundu kweli loMzantsi Africa isiduko luzalwano olubalulekileyo olunxibelanisa umntu nomnombo woluntu lwakowabo okulo lonke ilizwe. Ngenxa yesi sizathu, sibaluleke kakhulu isiduko kuhlanga oluntsundu kweli lizwe. Kangangendlela esibaluleke ngayo isiduko emaMpondweni, kwathi naxa sele kufike ingqobhoko eyayizibona izinto ezininzi zabantu bemveli njengeempawu zobuqaba nokungaphucuki, aqina amaMpondo agcina iziduko zawo ngezi ndlela zilandelayo:

  • Kubantwana abangamantombazana

Uthi eseyimveku umntwana aqhelaniswe nesiduko sakhe. Nangona ethiywa igama ngokwesiMpondo, gama elo libanentsingiselo nalo ngokwalo, kodwa luyakukhula olo sana lubizwa ngesiduko salo ngabantu abadala, abazali balo nabantu basekuhlaleni ngokubanzi. Luyakukhula ke ngoko luzazi kakuhle okokuba lingubani na lona isiduko salo. Khawujonge nantsi imizekelo yamagama abantwana abamalunga nonyaka ukuya kwisibini seminyaka:

Igama Isiduko intetho impendulo
Ntombikayise Faku/nyawuza mama, ndizivasile awuboni ke maFaku/maNyawuza
Zukiswa Khwetshube/MaXhanga Shu! ndatsha, tata Owu, Ngxesi, maXhanga

Qaphela!! ubukhulu becala, umntwana oyintombazana ubizwa ngesiduko sakhe ngumzali okanye nanguwuphi na umntu omdala xa enconywa ngokwenza into entle okanye xa ecengwa, naxa kungxengxezwa kuye. Akuba onile , akangxoliswa ngesiduko umntwana. Uyakukhuliswa ngolu hlobo ke umntwana wasemaMpondweni. Uthi ke akukhula lo mntwana ade abe uyenda, sisuke ke ngoku esi siduko sakhe sibizwe nje ngegama lakhe emzini, aziwe ngaso kuphela emzini wakhe, kunjalo nje kugqame eso siduko sakhe. Masisebenzise le mizekelo ingasentla. Amagama kaNtombikayise noZukiswa akaziwa nokwaziwa emizini yabo besakwenda apha. Kunjalo nje nokuba kukho mntu uthile kuloo ngingqi okanye kuloo ndawo othe wawazi laa magama, akanakuze awabize tu, angadliwa inkomo ethi mho! intombi yakwenda ibizwa ngesiduko sayo kufakelwe u'ma' phambi kwesi duko eso, njengo-maFaku, maXhanga, njalo njalo, njengoko kubonisiwe kwi-kholami yesine ekwitafile elapha ngasentla. Uyakubizwa ngolu hlobo kukubi kukuhle. Iinjongo kukuba mayaziwe imvelaphi yaloo mntwana, ukuze naye azi okokuba umele abantu basemaThileni. Ukuba ukhe wenza ihlazo, akuhlazekanga yena nje kuphela, kodwa ubagqibile abantu basemaThileni. Ukwenda emaMpondweni akufani nomtshato. Abantu abaninzi abawuboni umahluko phakathi kokwenda nokutshata. Xa wendile emaMpondweni uze kwakha loo mzi wendele kuwo. Awendelanga ndodeni. Indoda uze ngayo qha. Xa sithethe ngomzi ke emaMpondweni asithethi ngezindlu eziseyadini, sithetha ngosapho lweso siduko wendele kuso. Ukuba intombi esiduko sayo singuNdlangisa yendele kumfana osiduko sayo singuDlamini, loo ntombi iyakuba liliso kumaDlamini akuloo ngingqi kunye nezinja zawo. Naloo mfo ukuthathileyo ukuba uze kwenda apha ekhaya, uthi xa embiza umendi 'yinkosikazi yakuthi' hayi imfazi wam. Sikhule kunjalo ke ingekafiki ingqobhoko. Yakuba sengxakini le nkosikazi, adibana ngeentloko amaThile kuziwe nesisombululo. Esakuphum'ecaleni utata wekhaya, uMendi ulilela kubantu bomzi wakhe, baze bona bambeke endleleni unyana wabo. Akuba nabantwana uMendi, wazi kakuhle okokuba aba bantwana akusingobakhe ngabomzi wakhe. Naye uyakuzeka mzekweni avame ukubabiza ngesiduko sabo aba bantwana ukuze bazazi okokuba bangooDlamini. Iziphumo zokusebenzisa iziduko bezinceda ngolu hlobo:

  1. Kukhuthaza intlonipho kwisizwe ngokubanzi.

Kaloku uyazi umendi okokuba xa esenza ihlazo, kuyakuhlazeka wonke obizwa ngesiduko sakhe. Kutsho kungabikho mntu unqwenela kwendiselana naye nawuphi na umntu onesi siduko sakhe. Iyakuba ngathi banje xa bebonke.

  1. Xa eziphethe kakuhle yena kowakhe umzi, uyakuba umele wonke umntu obizwa ngesiduko sakhe. Kunjalo nje uyakuhlonitshwa ngembeko yakhe.
  2. Kaloku isiduko sibandakanya abantu abaninzi kwiindawo ngeendawo abakuzo, ngoko ke abantu abaninzi bayakuziphatha kakuhle ngobunzinzi babo, kutsho kubekho ucwangco ekuhlaleni.
* Kubantwana abangamakhwenkwe 

Umntwana oyinkwenkwe ukhula ebizwa ngegama lakhe kunye nesiduko sakhe. Ukubizwa ngesiduko kwenza okokuba akhule ezingca ngobudoda bakhe, esithi ungumThile-thile. Ibaluleke kakhulu ke loo emadodeni. Xa umntwana oyinkwenkwe ezalelwe ekhaya, ubiza isiduko sikanina, kunjalo nje akusilo hlazo elo. Umntwana uyazingca aqhayise ngekulonina elimenze wangumntu. Kaloku yena ukhula engumntwana walapha ekwangumtshana walapha. Oko kuthetha okokuba onke amalungelo obuntwana bekhaya ngawakhe kunye nawobutshana ngawakhe. Enye into emayicace, akukho mntu ohlonitshwa sisiduna samadoda aNtsundu njengomama. Abafuni nokuva ngoonina. Bangade babe banganyamezela ngooyise, kodwa akukho nto mayidlalele kunina konke-konke, kangangokuba noMendi ubasengxakini xa efuna kuhoywe yena ngaphezu kukamamazala.

Andizikuthetha kakhulu ngokubaluleka kuka mama kweli phepha, ndizakwanda ngesiduko kuphela. wakuyibiza ngesiduko indoda okanye inkwenkwe, inene uyiphath'emanyeni. Iyakutsho izazi kakuhle kunjalo nje yomelele nokokuba ibibhetye-bhetye kangakanani na. Itsho ixole nokokuba ibikhathazeke kangakanani na. Ndingathi nje ngokubizwa ngesiduko kuphela, indoda iyakhuthazeka. Nokokuba ibisenza into embi, kusakuthiwa 'yhini kodwa Dlangamandla, njalo, njalo', itsho yehle kuloo mkhuba wayo.

Kuyo yonke le ncoko sele siyibambile, singathi isiduko ngumdibanisi, ngumlamli, ngumxolelanisi, ngumkhomba-ndlela obumba iintsapho nozinze kwimvelaphi nobuntu obu bomntu. Isiduko singqina okokuba umntu ontsundu akamntu yedwa. Idaliwe ke loo nto apha kwimidaka, nokokuba ungayityeshela kangakanani na, ingakugulisa ngenye indlela ongayaziyo, umntu azibone enento engade iphelele ncam ebomini bakhe ngoku kanye sele enemali eninzi enento yonke. Kube kungona ke ngoku sifukuzayo sele sinabazukulwana sikhangela amathile akuthi. QAPHELA KE AKUDLALWA KUNGACHITHWA XESHA XA KUSITHIWA KUWE MNTU ONTSUNDU 'UMNTU NGUMNTU NGABANTU'. XA UNTSUNDU APHA EMZANTSI AFRIKA, AWUNGOMNTU NGEMALI QHA UNEMALI OKWANGOKU, KODWA 'UNGUMNTU NGABANTU, KUYAWUZE KUYOVALWA'. BUYA HILI-HILINDINI!!!

'''Ikumkani yamaMpondo'''

Amampondo 
Unkosi uSigcawu

UFaku yikumnkani yamaMpondo. AmaMpondo aye madolwanzima ekwamkeleni ingqobhoko eyayize namaBritane. Kaloku iikumkani zamaMpondo zazingavumi kwaphela ukugob'uphondo. engazange ade abe ayabandakanyeka ngokupheleleyo kwimilo yeengingqi eyayiphakathi kwabamelwane babo ababezinze kumhlaba osezantsi kubo kunye namaKoloni aseKapa, abazange bakwazi ukusinda ekudunga-dungweni kwintlalo yabo ngenkqubo yobukoloni eyayitshila ngayo iYurophu. Ngo-1945 uFaku, ikumkani yamaMpondo, yatyikitya isivumelwano esasibizwa ngokuba yi-"Maitland Treaty" apho wavuma okokuba impahla ejongene nezemisebenzi ayinakothulwa kunxweme lwamaMpondo ngaphandle kwemvume yobukoloni bukaRhulumente waseBritane. Le mvume yayilindeleke ukuba yenziwe nje ngompoposho ovela eyakuthi ikhutshwe ngokupapashwa. NgeyoKwindla kumnyaka ka-1861 ezona ndawo zazinefuthe kummntla-ntshona wamaMpondo, ezazisaziwa njengo-"no-mans-land", nazo zanikezelwa nguFaku eKapa, kwaza kwathi kumnyaka olandelayo zasetyenziswa yiKapa kumlo namaGriqua.

Iingingqi zasemaMpondweni

eeBhizana, eLibode, eNgqeleni, ePort St John's, eTabankulu, nengingqiuMsikaba. Ngo1899 kwenziwa ummiselo wama-314 ngokusesikweni owawusithi uMmsikaba mawahlulwe ube ziingingqi ezimbini, eyaseLusikisiki neyaseFlagstaff.

  1. Iinkosi zamaMpondo neelali zazo

Tags:

ETranskeiUmhlaba

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

Elokufa alityeliI-discourseIsiVendaThenjiwe MtinsoIBrazzavilleILembe District MunicipalityIHloboEntlangoI-dimensionInqaku lesiseko eliphambili lephandemikhiUKurt GödelIlizwekaziMooiplaas, MpumalangaVusi novaSerie CUMoya oyiNgcweleNongqawuseAmanziIngxoxo Enkulu YomGinwa nomKristu - Isiqendu sesi-IIIIIndiaU-AristotleAmaphondo asemZantsi Afrika needolophu zawoIfilosofiGxikigxaSiyandaUMshweshweGcina MhlopheI-abacusVladimir PutinGrinlendAmazwe aseFransi aseMazantsi kunye ne-AntarcticISO 3166SwitseriiISO 639-2IsarhaPesciaIBhayiIndod'imba kweny'emqoloInqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathiIsisu esihambisayoUmGaqo-siseko wasemZantsi AfrikaInehibi yamanzi ifa ngamanzi, eyezikhali ifa ngezikhaliI-PredatorOrange JuliusIsigweboUmhobe wesizweINigeriaBrasilJuventus Football ClubCoreia do TwoaieUmtha wedoloIbandla LamaBapistMarinoUxam wakholwa ngamantintintiIzibongo zikaNtsikana GabaZemk'iinkomo magwalandiniKuxhelw' eXhukwanaInjaIphepha ElingundoqoIsifo esosulelayoUngalahl'imbo yakho ngoPhoyiyana, kuba uphoyiyana uyemka ngomso🡆 More