Vi. Ubukhwenkwe Bukalepoqo

Le nkwenkwe uLepoqo ifikelele ngoku kubuntanga bokuwashiya amathole, iye kwalusa iinkomo.

Oko kutsho ke ifikele kwibakala elidumileyo kuneliya lamathole, kuba wona abengaziwa kulishiya kakhulu ikhaya, abedla ngokuba semboniselweni yaabo bahleliyo ekhaya; kanti zona iinkomo zokha zinge ziyemka kakhulu ekhaya ziye kusithela lee kweleentaba.

Isiko ebelikholisa ukubonwa eLusuthu, leli lisaqhutywayo nangezi mini ngabalusi beenkomo beli. Yonke inkwenkwe engumalusi ma ize iziphathele ukutya okungaba yinyama okanye isonka samazimba esiya esithe ngobunono obukhulu senziwa imbumbulu ebukeka kunene.

Kuya kuthi ngexesha elifanelekileyo xa iinkomo zikholisileyo ekutyeni utyani se zingasakhathazi, zimbi kuzo sezibuthumile, ezinye sezifumana zema nje, ayakwandul'ukuhlanganela ndaweni nye. Iyileyo naleyo inkwenkwe yorhola engxoweni yayo yebhokhwe oko ikuphetheyo.

Kukho inkosi, unongqovu into eyaa intliziyo kwanini, namagosana.

Kuya kwabelwa amabandla kutyiwe kuchwayitiwe.

Amakhwenkwe kaloku wona akafani ncam namadoda ngeendledlana ezithile ekulungiseni imicimbi yayo.

Le nkwenkwe iyinkosi iwoyisayo onke amanye, ibingazixhamli ngokuphatha nto, ibiphathelwa ngalawo iwaqhitsayo, athi akuba engenzanga njalo, iwaqhama-qhame ngoswazi, iwafundisela ingomso.

Kothi ekutyeni izinyulele oko kufanelekileyo emehlweni ayo, ize enyameni izisikele amanqatha odwa, lawo iwoyisayo iwabethe ngemfe iphindiwe. Nongqovu kwedini!

Masitsho sithi uLepoqo uqale kobu buthuba ukuvelela emakhwenkweni. Le nkwenkwe iqhitsa amanye ibingenabuganga bokufekethela kuye. Ubengoyiki nkwenkwe ekulweni.

Enye yeento ezibe ziyimbalasane kwelo, ubungabona umalusi ngamnye okanye abalusi bengayidibanisi imihlambi yabo yeenkomo.

Ezomny'umzi bezisitya zodwa zinomalusi wazo. Ngumthetho ongqongqo kwelo, nangezi mini basawubambe nkqi abalusi belo.

Ibiba yimpikiswano obungeke uyiqonde apho isingisa khona kwaphakathi kwabalusi bebodwa, befuna ukwazi ezona nkomo ezingaba zezityebileyo kule mihlambi engazange yada yahlangana nanini na.

Ukungayihlanganisi oku kube kujongwe lo mcimbi wokuba mazityebe, ukuze neenkunzi zingabinalo nelincinci ithuba lokuphunguza zijoje iimazi zeminye imihlambi.

ULepoqo uthabathe inxaxheba ephambili kulo msebenzi, wathi nokuyenza le nto wayinabisa engqondweni yakhe kunoko kunjalo.

Ilizwe laseLusuthu leleentaba eziphakamileyo, ekungafunyanwa zikho ezinje ngazo kulo lonke eli lomZantsi Afrika. Lihonjiswe ngeengxingwa, neengquthu ezingenakubalwa nezingummangaliso.

Mandulo kuvakala ukuba ayekho amatyholo, kodwa engemakhulu kuyaphi njengawasempuma-langa, apho umhlaba onamahlathi usondele kakhulu elwandle.

Kwiindawo ezityhilekileyo ingca ibikhula ibelidobo. Iinkomo zibe zingakhathazeli kuya masimini nje ngeenkomo ezidla emathafeni.

Uthe akuba sel'engene gongqo ngoku ekwaluseni iinkomo, wazilumla mpela ekugaleleni iintaka, suka wee guququ, wajongana nowona msebenzi wavelelayo ebomini bakhe, lo kanye wobungqawa.

Lo msebenzi uwuphongomele ngangokude aphulukane nawona maqabane akhe aphambili, ngokusuka wona aqhube abuye adinwe angaphelekani naye kulo mcimbi.

Uthe ngokusoloko eqeqesha ingalo yakhe egibisela wada wabonakala eba yinkcani evunywa ngabo bonke.

Bekusithi akugibisela inyamakazi seyisiyakusithela njeya, kofikwa isagweba sakhe sessamele kuyo sele ifile.

Akunyali ukuthi izingela ebelinje ngaye lingawafundi amacebo namava okwazi ukuzibulala iinyamakazi.

Imibala yazo zonke uye wayazi, ezinamendu kunezinye ubengazanga wazilibala; elwazi nohlobo eziphala ngalo, singasathethi nto ngokwazi amagama azo alilizwe, kwanezilili zazo nalapho zifelene khona.

Kanti nexesha ezizala ngalo ebelazi kakuhle kwanenani lamathole elizalwa yinyamakazi nganye.

Ebengazange waziwa kuhlala ekhaya mhla ngengqina nokuba mhla ngephulo.

Uqhube kwada kwavokotheka ekwaluseni iinkomo zakowabo, ethe rhoqo nasekuzingeleni iinyamakazi.

Ngale ndlela inje waazi iqela leentaba, lemilambo, lamatyholo neengingqi zezwe looyise, kwanga sekusekhaya esibaleni, oko kukuthi eli lizwe ulaze neenkontsentse zalo kwanendalo enyakazela kulo jikelele.

Engekho engqina okanye ephulo bekuba sisithukuthezi nakwabanye abazingeli. Athe eli lixa amanye amakhwenkwe eyithabatha ngokwendlalo nokuzilibazisa le nto yokuzingela, wabe yena uLepoqo eyinakana ngayimbi indlela.

Umnqweno wokunga kungathiwa ezi nyamakazi, neentaba, namatyholo nale milanjana yeyakhe, uye ukhula ngokunye.

Emadabini ubelithemba kumakhwenkwe akowabo. ubengayazi le nto yokujika abaleke kwakuqutyiswana.

Bekusithi nokuba amakhwenkwe elinye icala azimisele ukufunza kwawaseMenkhoeneng kwaMkhatshane, athi akuva ukuba uLepoqo ukho, ee dedelele, linqume inqath.

Amantombazana, abafazi namadoda ehleli nje ekhaya phaya, elona gama lingundaba-mlonyeni alivayo lithethwa ngabantwana bawo, lelikaLepoqo, ingqawa nekhalipha laseMenkhoeneng.

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

AmazaURajnath SinghUTiyo SogaE-AlgeriaUbuhloboBlue DownsUkudibanisa/UkongezaElokufa alityeliIfonetikiI-NATOKalk BayOsascoUmoyaIndlal' InamanyalaUmbutho weBhola ekhatywayo waseMzantsi AfrikaIngqondoPhila Portia NdwandweI-QuotientIsiMpondoUMzantsi AfrikaMthathaU-Tiyo Soga (1819-1871)Hong KongGalajiEkhwithoriyal GiniIYunayithedi SteyitsiIsiHolaniImithi ehlala iluhlazaDesmond TutuIngxabano yama-Arabhu namaSirayeliISO 639Carbon dioxideUdidi LwesithathuIsikhuni sibuya nomkhwezeliClements KadalieUmhlahlo ngamehloIgolideIndaba yotyelo ayikholiIsisele sombinzaAmapolisaUnyawo alunampumloIsonka sesonkaUlwimiIsiXeko saseKapa (Masepala sa Metro)IgrammaBusisiwe Mkhwebane8IbhokhweU-Winnie Madikizela Mandela''Ingwe idla ngamabala''Kumeleb'ibuyiswe ind'ebendalaThabo MbekiIziphaluka zaseBritane eziphesheya kolwandleInzululwaziUNobhala Jikelele weZizwe eziManyeneyoIndlalaUbudodaEzemidlaloOrphanAndorraImifunoINavadaUmasipala (eItali)Amanda Black🡆 More