Mayibuye Indebendala

Ndingaphozisanga maseko masingene emxholweni Abantu abantsundu baphelile apha phandle ngenxa yokulahla imbo ngophoyiyana.

Kusadliwa ngendeb'endala kwaXhosa


Xa ungumntu kubalulekile ukuba uyazi imvelaphi yakho kwaye uwaxabise amasiko kunye nezithethe.Amaxhosa pha! mandulo ibingabantu abangumzekelo omhle, kodwa ngenxa yokulandela izinto zabantu abamhlophe babutshabalalisa oko. Xa kunokubuyiswa indebe endala zingatsho zihambe ngendlela izinto zakwaxhosa.Into iqala apha esinxibeni, xa unokujonga apha phandle akukho nomnye umntu osanxiba isintu.Abantu bazinxiba ngeharitageday kuphela,ukanti inkonde zakuthi bebezixabisile izinxibo zakwantu. Zininzi izinto ezinyundululu ezenziwa ngabantu abantsundu ngenxa yokulandela izinto zabantu abamhlophe.Ukhulelo lwamantombantombazana aselula yenye yezinto ezibangelwa kokulahlwa kwemvelaphi yakwaNtu ngoba pha mandulo ubungasoze umbone umntwana okhulelwa eselula. Luphelile ulutsha lwakuthi ngenxa yokulahlekiswa zizinto zabantu bangaphandle.Ukuphumelela kwabantu abantsundu kunqongophele ngoba bazibandakanya ngezinto ezingabakhiyo. Abantu abaninzi abasawenzi amasiko kanti ke isiko yinto ebalulekileyo ngoba xa ungayenzanga iyakulandela,ukanti abanye bathi sele bewenza bawenze ngendlela engeyiyo umzekelo. Abanye abantu bolukela ezibhedlele koko bekungenziwa oko kusadliwa ngendebe endala.

Izinto ezixatyisiweyo kwaXhosa

  • Amasiko
  • Ingoma Zakwantu
  • Intsomi
  • Izaci namaqhalo

Olu ncwadi lwemveli belusenziwa xa kuchithwa isithukuthezi.Iintsomi zenziwa ngexesha langokuhlwa,bezithandwa ukwenziwa ngoomakhulu kunye nootatomkhulu kudala. Ubudlobongela bebunqongophele ngoba abantu abantsundu bebedla ngokozonwabisa amaxesha amaninzi.Ukubulalana kwabantu ngendlela ezimasikizi bekungenziwa.Emicimbini bekuculwa iingoma zakwaXhosa,kuxhentswe,kungqungqwe njalo-njalo.Ukubuyiswa kweNDEB'ENDALA kungabanga ukuba kubekho uxolo nothando eMzantai Afrika.Uqhawulo mtshato yinto ibingafane yenziwe,kodwa namhlanje sigagana nalo umhla nezolo phofu unobangela kukulahlwa kwendeb'endala.Abantu abangamabhinqa ababathobeli abantu abangotata' Amantombazane ebethwala kudala,umntu ebesendela emntwini angazange wancuma naye kodwa ekugqibeleni bebekwamkela oko.

Ilobola

Lobolo or Lobola in Zulu, Xhosa and northern and southern Ndebele (Mahadi in Sesotho, Roora in Shona, and Magadi in Northern Sotho), sometimes translated as bride price, is a traditional Southern African custom whereby the man pays the family of his fiancée for her hand in marriage. The primary purpose of lobola is to build relations between the respective families as marriage is seen as more than a union between two individuals. (Compare with the European dowry custom where the woman brings assets.)

Traditionally the Lobolo payment was in cattle as cattle were the primary symbol of wealth in African society. However, many modern urban couples have switched to using cash. Some families even use electronic transfers and credit cards as a form of payment.

Imithombo

Tags:

Mayibuye Indebendala Kusadliwa ngendebendala kwaXhosaMayibuye Indebendala Izinto ezixatyisiweyo kwaXhosaMayibuye Indebendala IlobolaMayibuye Indebendala ImithomboMayibuye Indebendala

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

IsenziUkohluka, ukulingana, kunye nokufakwaAmanani a-rationalI-EskomSebokengAmanziUkhenkethoUmlomoIMasetshusethiKumeleb'ibuyiswe ind'ebendalaSloveniyaIsifisoOonobumbaUkulogga kwe-keystorkeIMakemakeBack Yard BurgersUngcoliseko lomoyaCaliforniaSolomom MotswairoUmdlaloRandfonteinIsohlwayoIYukreyiniITopiyaNawuruFrohen-sur-AuthieBrazil national football teamIsiziba siviwa ngodondoloMayibuye indebendalaShams Azar F.C.InyokaUkuphinda-phindaIsiJamaniIsiEsperantoUmhobe wesizweAmathumbu esikhweneneCuritibaI-AlabhamaZero ukunyamezelaUkuzalwa wedwa ngumlu wanyamaUmnikelo kugqirha Ntantala JordanUKatI-AyidahoRhulumenteIzinto ezixabisekileyoJuventus Football ClubTshazimpuziClube Atlético JoseenseMuriaéCaroebeIzithethe zasebukhosini zezimvu zasePugliaThokozaAppleKuhla ngamqala mnyeIsantyaI-sulphurIsibindiIzinongo zeembizaISerie A 2021-2022UNongqawuseAmashumi amabiniECosta Rica Esporte Clube🡆 More