Ukubamb'isisila Sehobe

Loo ntetho ithatyathelwe kuba ebesithi umntu akubambisa ihobe ngomgibe nokuba kungezibatha, athi ngokungxama, kanti kanti ulibambe ngesisila, aze athi akulikhulula kanti liyakuthi ngokubhabha sisuke sixhwitheke, liphuluke, libaleke ashiyeke edanile.

sekusithiwa umntu ngoku othe waya kucela into kwaba bantu basebenza ezidolophini, aze athenjiswe ukuba uza kunikwa into, kuthiwe makeme endaweni ethile alinde lo gama asasebenzayo omnye, wobuye eze kumbona, aze kanti loo mntu esitsho nje uyakuphuma ngomnyango (Kwezi zindlu ziminyango mininzi zasemlungwini)emke amshiye, abe yena umceli lowo emi kuloo ndawo elindile. athi ngokubona ukuba kuyahlwa uwabo engafiki, ade askuke emke ngokudinwa, athi xa loo nto ayixela kwabanye, "UNantsi uthe wandithembisa wathi mandilindele ekuthini, ukanti esitsho nje, undibambisa isisila sehobe. Lifana neli lithi, 'undibambise iliwa.'

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

EyekhalaI-AnalogIjet lagUmfaziSidniIpopulationAthletic Club (MG)V. UKUZALWA KUKALEPOQOSävsjöNonkalaDansaUEFAIHloboI-eurMoscouIsiBhuluOliver TamboIMinasothaEyomdumbaU-NgubengcukaAbabhali besiXhosaUmdiliyaEmma MashininiNgumtya nethungaMariya, umama kaYesuDavid GuettaUkubamb'isisila sehobeHilde HolgerUxam waphusileSantos FCITeknolojiIReal Madrid v FC Barcelona (1943 Copa del Generalísimo)UBrenda Nokuzola FassieRay PhiriIqakambaInkukhu isikwe umlomoI-solidUkukholwa yeyokosaUkohluka, ukulingana, kunye nokufakwaIsantyaMilanRobben IslandOmanIsenziIkhompyuthaUZaharaUmmandla onommiselo oqhelekileyoIyunivesithi yaseMzantsi AfrikaWikipediaIndaba yotyelo ayikholiUluhlu lwemimandla yaseNiger ngokweSalathiso soPhuhliso loLuntuI-IlinoyiIklabhu yeBhola yeHlabathi yaseMilanIindlela yokuphilaSSBC TVINyujeziLuhlazaIinkonzo Zeelwimi ZesizweRonald ReaganEGenevaAkukho nzwan'ingenasiphakoUmfundisi uJohn van der KempInqabaUmthetho wokuqalaI-KhandidaIsiko lolwalukoUmzaliIsifiso🡆 More