I Joe Slovo Park yidolophu yaseKapa, ifumaneka ngaphakathi kwe Milnerton ne Montargu Gardens.
I Joe Slovo Park yiLokishi encinane eyenziwa ukususa amaTyotyombe ase Marconi Beam kwakhiwe idolophu. Kodwa ke ngoku akho mehluko phakathi kwe Joe Slovo nalamatyotyombe ase Marconi Beam. Elinye icala lase Joe Slovo, I Mshini wam, ithiywe ngengoma yomzabalazo 'Umshini wami', ingoma ethandwa ukuculwa ngu Jacob Zuma xa efuna ukuVotelwa abenguMongameli wase Mzansi Africa. Yaqala ukwenziwa ngo 2006 endaweni ekwakukho izindlu ze RDP(Reconstruction and Deveopment Program). IMshini wam yatshiswa ngumlilo. Kwatsho kwaqalelwa phantsi ukwenziwa ngo 2012.
IJoe Slovo ithiywe emva kwe qhawe uJoe Slovo owayengu Ngqongqoshe wezindlu zase Mzansi Africa. Ize ingafaniswa ne Joe Slovo ekwa Langa, Ekapa.
I Joe Slovo ngumxube weZindlu nama Tyotyombe angase Montague Gardens e Milnerton. I Joe Slovo ingase Canal Walk ivenkile enkulu apha eKapa.
Kukho uxinizelelo olukhulu ngoba kukho abantu abafuna ukwakha izindlu zabo kumhlaba ongenanto. Ngo okthobha 2012 abantu abangavumeliyo ukuba kwakhiwe kumhlaba uphethwe yi dolophu yas'Ekapa bafika basusa izindlu zabantu, lento yenza ukuba abantu base Joe Slovo baToyitoye. Ngo 2014 abantu base Joe Slovo babona indawo engase Sinenjongo High School bokha izindlu zabo kwaze uRhulumente wohluleka ukubasusa, ngoku iSinenjongo High school inabamelwane ngasesikolweni abangxolisa umculo mihla ngemihla bephazamisa abafundi abakwibanga lesi-11.
inezikolo ezimbini enye yazo yi Sinenjongo High School enye ibeyi Marconi beam public Primary School. I library ekufuphi yi Milnerton Library.
Indawo ekufitshane yezempilo ise Elbow-Gardens (yikliniki yesihlali) eBrooklyn Milneron, iBrooklyn izikhilomitha ezine xa usuka e Joe Slovo. IMedi-Clinic ese Milpark Milnerton (ikliniki efihlakeleyo) yona ingamakhulu asiBhozo xa usuka e Joe Slovo.
Ezinye izindlu ezise Joe Slovo zikhuselwe zinkampani zokhuseleko. Kodwa ke izindlu ezininzi zixhomekeke kumaPolisa ase Milnerton. Kukho amaPolisa ajonga I Joe Slovo iimini nobusuku. Indawo yamaPolisa ekufuphi ingase Seven Eleven kufuphi ngase Centre Point. akukho zicimamlilo e Joe Slovo, ekufuphi yiMilnerton Fire station.
Kukho iholo lomphakathi eJoe Slovo. Udonga ngaseholweni lwalupayintiwe ngabafundi ababefunda ibanga leshumi elinambini nge Mandela Day ngo 2013. Kukho iofisi kaMasipala ekufuphi ngase Joe Slovo; ingase Milnerton Library.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Joe Slovo Park, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.