Ukwanyisa Okanye Ukuncancisa

Ukuncancisa kuxa umama esondla abantwana bakhe ngobisi lwamabele akhe.

Umntwana ubeka umlomo wakhe kwingono kanina aze afunxe ubisi. Olunye uhlobo lokuncancisa oluxhaphakileyo kuxa kusetyenziswa impompo yokufunxa ubisi kwibele elo. Ngmatshini osetyenziswa ukumpompa ubisi ebeleni ukuze umntwana alusele kamva.

Ukwanyisa Okanye Ukuncancisa
Imveku iyancanca
Ukwanyisa Okanye Ukuncancisa
Uphawu lokuncancisa kwihlabathi jikelele

Abantwana basimbo sokufunxa yonke into ebekwe emilonyeni yabo. Uninzi lwabantwana alufuni bisi lwantsana (ubisi olungumgubo) okanye ukutya kwecephe iinyanga ezintandathu nangaphezulu.

Ubisi lwebele lolona lulungileyo ebantwaneni ngangaphezu kwayo nayiphi na into, Kodwa ke kukho iimeko ezingenakunqandwa: xa umama esela iziyobisi, kuba enosuleleko lwesifo sephepha, okanye eneAIDS. Ukuncancisa kuvumela umntwana ukuba akhule enempilo entle kwayesisondlo esinexabiso eliphantsi nesinempilo. Kuwo omabini amazweasakhulayo naku mazwe asele ekhulile, ukondla iintsana ngobisi olungumgubo kukhokelela ekuswelekeni kweentsana okuninzi zibulawa sisifo sorhudo. Iingcali ziyavumelana ngokuba ubisi lwebele sesona siselo silungileyo emntwaneni, kodwa ke abavumelani ngexesha emalithathwe ngumamam ukuncancisa umntwana, nangokuba ubisi olungumgubo lukhuseleke kanjani na.

Tags:

UmamaUmlomo

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

IAustralia011 (inani)Jacob ZumaAmaphondo asemZantsi Afrika needolophu zawoAmanziI-AngolaIsiXeko saseKapa (Masepala sa Metro)I-DenominatorI-decimalImbaliI-QuotientISwitzerlandImfundo eMzantsi AfrikaImotoIsiHolaniIjet lagI-Helsinki7ELuSuthuI-Gull Rock (ikhetha eCanada, eNewfoundland naseLabrador, lat 49,33, ubude -53,58)Albie SachsZondeni SobukweNarutoRio de JaneiroNawuruIBergamoIntlalo kwaXhosaAbabhali besiXhosa ngeminyaka yoo-1900ŁobezImifunoUkutya kwamaMpondoUgandaUsapho(lwakwa Bayoloji)I-AstrolabeUmongo wethamboIthobaEyethuphaStary DwórArgo TeaIsigweboLifeIBhayiINyujeziAwethu putumaniIBhayibhileSimakande🡆 More