UPawulosi Yeboah, ngutitshala, umlimi, iphemikhaltshararist (permaculturist), umakhi woluntu, kwaye ungunontlalontle ngokwezoshishino.
Yena ungumqali okanye umyili nomququzeleli weGhana Permaculture Institute and Network (isikolo sezolimo lwezityalo ezikwiindawo ezishushu nomnatha woluntu) esiseTechiman, eGhana, ekwintshona yeAfrika. Ifumaneka endaweni ekuthwa yi- Brong-Ahafo eyingingqi yaseGhana. Injongo yesisikolo kukwakha nokugcina inkqubo yokutya izinzile, ukukhathalela indalo yendawo ekufutshane nokuphucula umgangatho wobomi kwiindawo ezisemaphandleni. Esisikolo esikwabizwa ngokuba yiGNP ngamafutshane, siqeqesha okanye silola abafundi ngeendlela namaqhinga wolimo oluzinzileyo (sustainable ecological farming techniques ngesingesi). Bakwaxhasa namalima; amaqela amabhinqa, imadlana yokuncedisa kumalima, bafundisi ngokulima imoringa; uveliso lamakhowa; ukutyala ukutya phakathi kodweliso lwemithi, uphuhliso lwehlathi lokutya kunye nolimo-hlathi (kungenzeka ukuba ligama elitsha eli, lithetha indlela yokusebenzisa umhlaba ngokutyala imithi pakathi kwezityalo).
Paul Yeboah | |
---|---|
Born | Eyomsintsi 22, 1970 |
Residence | Techiman, Ghana |
Nationality | Ghana |
Education | I-Diploma kwiZiko lezoLimo lwezoTimo kunye neSatifikethi seMvume yokuLawulwa kweMvume |
Occupation | Agro_farmer and Sustainable Development Community Educator |
Spouse(s) | Agnes Ameyaa |
Children | Abantwana bathathu (3) |
Website | |
https://permacultureghana.wordpress.com/ |
Phemikhaltsha izekeleliswe kwinkqubo yozinzo lwendalo. Inkqubo yezolimo esebenzisa indlela ezigcina umhlaba uchumile, izityalo nemfuyo isempilweni entle. Ikhuthaza ukhuseleko lendalo nendawo eyingqungileyo nokuphila kwayo; ukuze ihlala indalo ingcinakele futhi ingcine izixhobo zendalo izingcinela ixesha elizayo okanye ingcinela amangomso. Ivuselela umhlaba umoshakeleyo nemithi egawuliweyo. Lomnatha wehlobo lwezolima ekuthiwa yiphemikaltsha ukuthaza lendlela yolimo emakhaya. Uphulo lalomnatha wozolima kukukhuthaza, ukufundisa, nokupapasha ukusetyenziswa kwephemikaltsha ngamafama (ngabalimi) nabantu baseGhana, into ezakubanegalelo ekumeni nokuba indalo ibekwimeko entle futhi kubekho nokuzinza kwikamva lelizwelaseGhana.
Bagcina namavoluntiya, abafundimsebenzi, abafundi bamazwe ngamazwe, esisikolo sokwanguye nomnatha wezolimo nabalimi ulilungu lamnatha waseGhana obizwa ngokuba yiEcovillage. Ongumbutho okanye intlangano wenkokheli nemisebenzi yophuhliso oluzinzileyo. uPaul Yeboah ungusekela mongameli weGEN esebenzela ukuphuhlisa nokupapasha amanyathelo asekhaya nozinzo eGhana. Phemikaltsha iguqula uluntu eGhana ngemfundo okanye uqeqesho, uveliso lokutya, ukuphuma uphulo, uphuhliso lwezakhono, ukukwazi ukuzimela nokuzonelisa, nokwakho amashishini asakhasayo.
Xa wayeneminyaka engamashumi amabini enesibini (2) uPaul yayimxhalabisa kakhulu into yedlala nentswelo yasezilalini nasedolophini. Wade wafumana iqweqwe lemfundo yezolimo kwisikolo sezolimo ekuthiwa yiFarm Institute eGhana. Waqala iphulo lokwakha ihlathi leziqhamo ezilalini nasedolophini ngokusebenzisa iimbewu esuka kwiKade Oil Palm Research Institute and Bonsu Cocoa Research Station. Imbewu nezithole zazinikwa amafama ngetyala. Eliphulo labaluncedo olukhulu ekuveliseni amashishini enkqubo yokugula isivuna sibekukutya emaphandleni, nto leyo eyavelisa imisebenzi kubantu abahluphekayo.
Ngonyaka wamawaka amabini enesithathu (2003) uPaul Yeboah wayengumphathi wefama ekuthiwa yiKristo Buase Benedctine Monastery eGhana. Kwabizwa uGreg Knibbs ukuba azoncedisi kwiMonastery ukuze avuselele ukuchuma komhlaba esebenzisa indlela zephemikaltsha. Kulapho uYeboah wadibana khona noGreg Knibbs basebesebenza kunye ukuze babumbe iGhana Permaculture Network eyayeyathi emveni kwethuba yabizwa ngokuba yiGhana Permaculture Institute.
IGhana Permaculture Network yayiququzelelwa nguPaul ngonyaka wamashumi amabini anesithathu. IGNP yaqala kancinci njengendawo yokubonisa nokuqeqesha eyathi emveni kwethuba yayiGhana Permaculture Institute (GPI ngamafutshane). Ngonyakawamawaka amabini enesixhexe iGhana Permaculture Nwodua Tree Nursery yaqalwa. Yakhiwa ukuze yakhe ingeniso yoluntu iphinde ijongane nemicimbi nemiceli mingeni ngokwendalo enjengogawulo mithi, ukonakala komhlaba . ikwaphinda ijongana nohlaziyo lwamahlathi. Umsebenzi lo ngumsebenzi wentsebenziswano obandakanya wonke umntu ukususela kumabhinqa, ulutsha kunye namadoda. Wonke umntu oyinxalenye yoluntu uyinxalenye yengeniso namanqhithinqhathi wokusenbenzela ukuphucula indalo nako konke okusingqungileyo. Oluphulo lwakha ukuqonda ngezendalo nako konke okusingqungileyo.
UPaul Yeboah ungusekela sihlalo weGhana Ecovillage Network eyaqalwa ngonyaka wamawaka amabini aneshumi elinesibini (2012) yashicilelwa ngonyaka wamawaka amabini aneshumi elinesithathu (2013) Yabunjwa zinkokheli zokuhlala namaqela anamaphulo azinzileyo ukuze enze ubuchule beEcovillage bubeyindumasi njengemizekelo yophuhliso oluzinzeleyo eGhana.
IGhana Permaculture Network yaqala ngokuqala ezikolweni apho yayixhasa izikolo, nabalimi boluntu ekumiliseni indawo zokugcina imithi namaphulo okutyala imithi. iGhana Permaculture Network ithi yanda kengoku isiya kwezinye indawo eGhana, ingena nakooTogo noBurkina Faso entshona afrika.
Injongo yoluphulo lamanyathelo kukwenza ibeyindumasi ukufunda ubomi bonke (ukuze uzuze ubomi bakho bonke usaqhubeka nokufunda unjalo) ingxhininisa kuqeqesho lwekhefu , nophuhliso lwezakhono ezidingekayo kusetyenziswa indlela yophuhliso olungcinakeleyo.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Paul Yeboah, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.