Ngumsont'onyikinyiki

Eli qhalo lizekelwe ekubeni usinga ebekuthungwa ngalo iingubo zenkomo, imigqwetho, izikhaka, ibilolwenkomo: Pambi koko kwakuthungwa ngameva, kuba zaye zingekabikho izilanda, ziqale ukuba kho kwakufuthwa izinyikithi, zaze zanda ngakumbi khona kwakufika abelungu neengcingongcingo zabo.

Ke ubusithi umsonto ukuba umanzi, awomile wanquma encamini, usuke uman'ukufingana. Iimvaba nezibozi bezithungwa ngemitya ye[[intlonze|ntlonze, kugqojozwe amaqondo apho lo mtya uyakuthubungela khona. Bekuthi ukuba umtya lowo ubunyetenyete, ufaniselana intunja yengqanda iwulungele, usuke uthi wakufakwa uman'ufingana, ungavumi ukuphumela kakuhle entunjeni, kuthiwe ke, "ngumsonto onyikinyiki." Namhla sekutshiwo nakumntu ofihle intloko entweni waxelisa esi silwana kuthiwa yinyekevu. Kuthiwe usuke wangumsilasila, ingqukunyembe, umsont'onyikinyiki. Umntu onjalo uyandwetyelwa kunene kuba sukuba enguNxazonke, engafuni kwaziwa elona cala alilo. Umntu onjalo kusuke kuthiwe, sithe sakuthetha naye ngalo mcimbi, wasuka "wangumsont'onyikinyiki"


Intloko

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

1 EyokwindlaIsiSothoKosta PecanacI-Personal compyuthaUmabonakude uAsa Branca (Maceió)Elokufa alityeliI-oxidation stateMadie Hall XumaIsikhuni sibuya nomkhwezeliOliver TamboNgekhulu IEMontiInqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathiAmampungeUsuku lwe-ValentineIKhemistriHamburgIBhishoIkhalenda yesiXhosaUlwandle olumnyamaMakhanda (Nxele)IJografiI-inputIKholoradoUMzantsi AfrikaUmZantsi MelikaUkucinezeleka kwamaninaIsiNdebeleKugawulwa owaziwayoLuxemburgUmthetho wokuqalaSwitseriiInyanga zonyakaUbuhleDundonald, MpumalangaMelikaIrhasiMichael JacksonBenni McCarthyIbhotileI-AccraUkuzalwa wedwa ngumlu wanyamaI-CarnivoreQunuUmzaliZintathuFloridaI-mouse yekhompyuthaIIndiaIzembeCaucasus18 EyekhalaLifeIzinto azimntakaNgqikaIsifo sephephaIsixhobo se-output - isixhobo solwazi oluphekiweyoUkubamb'isisila sehobeUkuzalwa wedwa ''ngumlu'' wanyamaIBhayibhileAbre CampoIimpawuDelft, Cape TownIsakhono sokufundaIsitshixo sokulogaIsiSwazi🡆 More