Izibalo zizifundo ezimalunga namanani.
Izifundo zokuqala kwizibalo zezi: ukubala ngamanani; ukudibanisa okanye ukongeza; ukuthabatha okanye ukuphungula; ukuphinda-phinda; nokwahlula-hlula.
Izibalo ezinendawo yokubanzima ziquka ukusebenza ngamanani aphawuliweyo, Iqhezu lenani, iiidecimali, kunye namanani athabatha amandla kunye nalawo aziingcambu.
Abantu abaninzi, ingakumbi eMzantsi Afrika, baqala ukufunda ngezibalo, kumabanga okuqala, baze abanye babo bagqibele ngoko bangabisenyuka nazo izifundo zezibalo. Ngenxa yoko, kuthi kusakuvela iimeko apho kufuneka besebenzise kwa ezi zibalo, babe sele baalibala kwanto ngozo. ngalo lonke elo xesha, imisebenzi emininzi ifuna ulwazi ngezibalo, kwaye abaqashi abaninzi bakhalaza mihla le ngelithi kunzima ukufumana abantu abazazi ngokupheleleyo izibalo. Embalwa kwimisebenzi emininzi efuna ulwazi ngezibalo ibandakanya ubuchweli, iplumbers, i-auto mechanics, ii-accountant, i-architects, Oogqirha, kunye namanesi. Izibalo zifuneka kuzo zonke iinkalo zemathematics, kwisayensi, nakubunjineli.
Ikhalttyhuleyitha ingasetyenziselwa ukwenza umsebenzi wezibalo. Iikhompyutha zingakwenza ngokukhawuleza oko, nekusesona sizathu sibangela okokuba abafumana iGlobal Positioning System babenekhompyutha encinane ngaphakathi.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Izibalo, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.