Iqhalo elithi imbila yaswel'umsila ngokuyalezela lisukela kwibali okanye intsomi edumileyo, eyayisaziwa ngawo onke aAmaXhosa,intsomi ethetha ngezilwanyana ezazingenamisila kanye xa zizonke.
Zaxelelwa zonke ukuba zize kuthatha imisila eziyithunyelelwe nguMdali ngeenjongo zokuba zibethe ngazo izinambuzane njengoko bekubonakala ukuba ziyahlupheka kukutyiwa zizinambuzane.
Imbila yathi ngenxa yokonqena yayaleza inkawu ukuba ize iyiphathele umsila. Inkawu yasuka yathi yakunikwa umsila wembila suke yawudibanisa nalowo wawuphiwe yona. Yiyo ke loo nto eyyabangela ukuba inkawu ibenomsila omde kwaye imbila ingekabinamsila wokuhesha izinamuzane nangoku.
Eli qhalo lithetha ukuba singabo thumela sibo ziyela......
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Imbila yaswel'umsila ngokuyalezela, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.