Ikhalenda Yesixhosa

Kwikhalenda yesiXhosa, ngokwenveli, unyaka uqala kwinyanga yeSilimela uze uphele ngekaCanzibe, xa kanye i-Canopas, inkwnkwezi enkulu ebonakala kumZantsi-womDibaniso okwayindawo apho kujikeleza khona izinto zomhlaba ezibonakalayo ezithe ngcu kumzantsi we-equator.

Zimbini iindlela zokubiza iinyanga apha esiXhoseni: ngokwale mihla nangokwemveli. Kwimimandla yasezidolophini kusetyenziswa amagama ale mihla. Kodwa ke, ezilalini, kwimibongo, ingakumbi kumNtla Koloni kusetyenziswa amagama emveli.

Amagama eenyanga zonyaka

Ngokwale mihla

Amagama lae mihla ekubizwa ngawo iinyanga abolekwe kumagama enyanga angesiNgesi:

   uJanuwari    uFebhuwari    uMatshi    uApreli    uMeyi    uJuni    uJulayi    uAgasti    uSeptemba    uOktobha    uNovemba    uDisemba 

Ngokwemveli

Ngokwemveli amagama eenyanga asuka kumagama ezityalo neentyatyambo ezikhulayo okanye eziman'ukutshintsha ngokwamaxesha onyaka. Zezi:

   eyoMqungu (inyaka yengca iTambuki)    eyoMdumba (inyanga yokudumba kweenkozo)     eyoKwindla (inyanga yeziqhamo zokuqala)    uTshazimpuzi (inyanga yokutshaza kwamathanga)     uCanzibe (inyanga kaCanopus)    isilimela (inyanga kaPleiades)    eyeKhala / EyeNtlaba (inyanga yamakhala)    eyeThupha (inyanga yokudubula kweentyatyambo)    eyoMsintsi (inyanga yomthi umsintsi)     eyeDwarha (inyanga yokuvela kwe-lilypad)    eyeNkanga (inyanga yokuhluma kwee- daisies ezityheli)    eyomNga (inyanga yokuvela komthi ohlabayo i-mimosa thorn tree kunye ne-simba) 

Iintsuku zeveki

   ngomVulo    ngolwesiBini    ngolwesiThathu    ngolwesiNe    ngolwesiHlanu    ngomGqibelo    ngeCawa 

Amaxesha onyaka

 eKwindla  uBusika  iNtlakohlaza/iNtwasahlobo  iHlobo 

Tags:

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

Noni JabavuUmthetho wokuqalaIHloboE-ChicagoFish HoekUmthethoNgumsont'onyikinyikiIbhokhweUbuhlwempuSlovakiyaMakhanda (Nxele)Imfazwe ka MlanjeniAmampungeUnyawo alunampumloIbhotileIhlabathiVusi novaJohn soliloIintsomiITanzaniaISerie A 2021-2022MoscouIMinasothaMichael JacksonInkqubo yamazwe ngamazwe yeeyunithi zokulinganisaIcawaTraniMasizingce ngelwimi zethuISerie B 2021-2022Campeonato Brasileiro Série AU-AristotleUmlambo iAmazonI-QuotientWilliam Wellington GqobaIRashiyaAmmognichUnited StatesImithi ehlala iluhlazaKuthini ukuphumelelaUcalucalulo lwamazikoI-OregoniMariya, umama kaYesuCharlotte MaxekeUmsintsiIbhokwe efuywayoOliver TamboIgaziUmbutho weBhola ekhatywayo waseMzantsi AfrikaGrinlendUmculoIsingxiUmtha wedoloUnyawo lwemfeneOsascoU-Tiyo Soga (1819-1871)Republic of KoreaIntlanziAmazwi alula omculo wefowuniAmasiko nezithethe zakwaNtuIIndia🡆 More