Iiprotons zizinto ezithile ezifumaneka kw-atom.
Zifumaneka kwi-nucleus ye-atom zihamba nee-neutrons. I-periodic table yamaqela ee-atoms ebonakalisa okokuba ezi atoms zinee-protons ezingaphi na. I-atom enye kwi-hydrogen (olona hlobo lwe-atom lwakhe lwalula) yenziwe nge-electron ezingqonge nezijikeleze i-proton. Ubukhulu becala ubunzima bale atom benziwa bukwi-proton, kuba kaloku yona ubunzima bayo phantse buphinda-phindwe kangangama-2000 kunobo be-electron. Ii-Protons nee-neutrons zizo ezenza i-nucleus yalo naluphi na uhlobo lwe-atom. Kuyo nayiphi na i-element, inani lee- protons lisoloko lifana. Inani eli-atomic kwi-atom lilingana nenani lee-protons kuloo-atom.
Ii-Protons zenziwe ngee-quarks. I-proton inye kukholelwa okokuba yenziwe ngee-quarks ezintathu, ezimbini ziiquarks-eziphezulu ize enye ibeyi-quark esezantsi. i-quark esezantsi inetshaji okanye uzibuthe we-1/3, zize zona ii-quarks eziphezulu zibenetshaji ye-+2/3 inye. Oku kongeza ye-+1. I-proton ine-mass encinane. Ubunzima be-proton bumalunga ne-atomic mass unit enye. Ubunzima be-neutron nabo bumalunga ne-atomic mass unit enye. Ubukhulu be-proton bubonakala ngokungcangcazela kwee-quarks ezikuyo, kwaye ezi-quarks zenza ilifu. Oko kuthetha okokuba i-proton akuyo bhola iqine kangako xa ithelekiswa nendawo equlethe ii-quarks.
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article Ii-protons, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.