UYesu Kristu
uYesu Kristu yiNkosi yethu sonke kwaye wafela izono zethu sonke ukuze singatshabalali kodwa sibengabantwana bakhe. UYesu uyamkelwa entliziyweni kwaye umntu aphile impilo engcwele esesemhlabeni ukuze azokulingena izulu xa ibandla lizokuhlithwa emhlabeni.Incwadi kaPawulos ebhalela ibandla lamaGalati isahluko sesihlanu isahlukwana sokuqala uthi, "Yimani ngoko enkululweni athe uKristu wanenzela yona ukuze ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka." UBomi obugqibeleleyo ubufumana xa wamkele uKristu.Asikho isimo uYesu angakwaziyo ukusitshintsha. Ukuba uyamfuna thandaza lomthandazo emva kwam ngokholo:
Nkosi Yesu! Ndiyakwamkela njengeNkosi nomsindisi wempilo yam. Ndixolele zonke izono zam, endizaziyo kunye nendingazaziyo. Ndiyakholwa ukuba wafa wavuka ukuze undinikeze ubomi obutsha bentlambululo. Enkosi ngondihlangula. Egameni lika Yesu Kristu . Amen
Ngoku ungafunda ibhayibhile yakho yonke imihla ukuze uphile ngcwele kwaye uthandaze kathathu ngemini. Ungangena nakwinkonzo yokuzila ukutya neyentlambululo. Amen!
This article uses material from the Wikipedia isiXhosa article UYesu Kristu, which is released under the Creative Commons Attribution-ShareAlike 3.0 license ("CC BY-SA 3.0"); additional terms may apply (view authors). Content is available under CC BY-SA 4.0 unless otherwise noted. Images, videos and audio are available under their respective licenses.
®Wikipedia is a registered trademark of the Wiki Foundation, Inc. Wiki isiXhosa (DUHOCTRUNGQUOC.VN) is an independent company and has no affiliation with Wiki Foundation.