Uleonardo Da Vinci

ULeonardo da Vinci wazalwa ngomhla we-(15 kuTshazimpuzi ngo1452 – waza wasweleka ngomhla wesi-2 kuCanzibe ngo1519) wayeyindoda yomTaliyane owayephila ngexesha le Renaissance.

Wayeyincutshe kwizinto ezininzi, kodwa ubukhulu becala wayedume ngokuba ngumzobi. wayekwanguphicothi wamalungu angaphakathi komzimba wesidalwa esiphefumlayo, umntu wezibalo, eyinjineli, ekwangumyili wezinto ezintsha, ingumxhonkxi okanye umqingqi, iarchitect, ibotanist, imvumi kunye nombhali. ULeonardo wayesoloko ethanda ukwazi ngayo yonke into endalweni. Wayefuna ukwazi okokuba zisebenza njani na izinto. Wayeyincuthse xa kuthethwa ngokufunda, eyila, esenza zonke izinto ezinika umdla.

Uleonardo Da Vinci
ULeonardo da Vinci

abantu abaniniz bacinga okokuba uLeonardo wayengomnye wabapeyinti abakhulu ngalo lonke ixesha. Abanye abantu becinga okokuba ngoyena mntu unephiwo kubo bonke abantu abaphilayo. . Igcisa kwezembali uHelen Gardner waathi, Akukho namnye ofana naye kuba wayenomdla kwizinto ezininzi, wayebonakala enengqondo yesigebenga, nangoku sisambona njengomntu owayemangalisa.

ULeonardo uzalwa eVinci idolophana kufuphi naseFlorence, eItaly. Wayeqeqeshelwe ukuba ligcisa eqeqeshwa ngumxhonkxi (umqingqi) nokwangumzobi uVerrocchio. Uninzi lweminyaka yakhe uluchithe esebenzela isinhanha saseItaly. Kwiminyaka yakhe yokugqibela, wayehlala kwindlu entle awayinikwa yiKumkani yaseFransi.

ULeonardo wayesenza zonke izinto zengqondo, kodwa wayedume njengomzobi. emibini kwimifanekiso yakhe iphakathi kwemizobo eyaziwa kakhulu ehlabathini: iMona Lisa kunye neLast Supper. Wazoba imizobo emininzi. Owona mzobo waziwayo yiVitruvian Man. ULeonardo wayesoloko ecinga ngokwenza izinto ezintsha. Izinto zakhe awayeziyilile zange zenziwe mntu. Nangona kunjalo siyayazi imibono yakhe, kuba kaloku wayesoloko ezigcina ngokuzibhala encwadini. Wayebhala azobe kuzo rhoqo. Eminye imibono awayenayo yayingophephela, itanki, icalculator, iparachute, irobot, umnxeba, inguquko, kunye namandla elanga.

Ubomi bakhe

Ebuntwaneni bakhe, ngo1452 ukuya ku1466

Uleonardo Da Vinci 
Umzobo wakudala kaLeonardo owaziwayo, i-Arno Valley, ngo1473.

Isenokufumaneka kuvimba wezobugcisa iffizi

Tags:

Indoda

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

ISerie B 2021-2022IPhondo laseMpuma-KoloniUkucima ngaphandleTraniAmasiko nezithethe zakwaNtuIMizuriYinyama yamakhwenkweNgumsont'onyikinyikiSchotsche KloofI-TranskeiAmatheFenerbahce SKGuidonia MontecelioUmsintsiI-WikipediaPerugiaH. KewellUmtshato wesintu/umendoI-DemocracyKuthini ukuphumelelaAbabhali esiXhoseni''Ingwe idla ngamabala''OmanIsiJamaniITeknolojiMexicoNoni JabavuEThekwiniIMontanaIIndiaIHloboInto ayibethwa ngankanaE-ChicagoImpembelelo kokusingqongileyo ngesifo esingubhubhane i-coronavirus ka2019-2020IntethoIsonka sesonkaImbaliUdidi LwesithathuIwikipediaIndlalaInkaw'ixingetyeniUkhenkethoUetersenIbhola yombhoxoIxhama litolwe ngabaThwaIi-protonsAbantwana bakaTiyo SogaIDelaweriIntaba-mliloILuwiziyanaULeonardo da VinciJohn Langalibalele DubeVI. UBUKHWENKWE BUKAlEPOQOI-AyowaIZimbabweIsiziba siviwa ngodoloESkotlaniIJamaniBusi Mhlongo🡆 More