Umzantsi Afrika

UMzantsi Afrika, ngokusesikweni ubizwa ngokuba yirhiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika (RSA), lilizwe elibuthume kwincakami yeAfrika.

UMzantsi Afrika
IRiphabliki yaseMzantsi Afrika
Republiek van Suid-Afrika
Republic of South Africa
Umzantsi Afrika Umzantsi Afrika
Umzantsi Afrika
Ikomkhulu: ePitoli, iKapa, eBloemfontein
Ulwimi lwaseburhulumenteni: IsiBhulu, IsiXhosa,
IsiPedi, IsiSotho,
IsiTswana, IsiZulu
Isiphaluka: 1 219 912 km²
Uluntu: 62027503
I-GDP (PPP): {{{I-GDP (PPP)}}}
I-GDP (PPP) Ngekhapital nganye: {{{I-GDP (PPP)Ngekhapital nganye}}}
I-GDP (Ngobizo): {{{I-GDP (Ngobizo):}}}
I-GDP (Ngobizo) Ngekhapital nganye: {{{I-GDP (Ngobizo) Ngekhapital nganye:}}}
Gini: {{{Gini:}}}
HDI: {{{HDI:}}}
Imali: {{{Imali:}}}
Ixesha lendawo: {{{Ixesha lendawo:}}}
Ifomathi yomhla: {{{Ifomathi yomhla:}}}
Icala lokuqhuba: {{{Icala lokuqhuba:}}}
Ikhowudi yokufowuna: {{{Ikhowudi yokufowuna:}}}
ISO 3166 ikhowudi: {{{ISO 3166 ikhowudi:}}}
I-TLD ye-intanethi: {{{I-TLD ye-intanethi:}}}

Ubukhulu bawo buziikhilomitha ezingama-2,798 kunxweme olunwebela lunxusa umzantsi wolwandle iAtlantika kunye nolwandle iIndiya. Emantla nango ethe natya amazwe asebumelwaneni anjengeNamibia, i Botswana kunye neZimbabwe; ukuya empuma yiMozambique kunye naseSwazini; phakathi kwala mazwe kukho ilizwe laseLuSuthu, ingingqi engqongwe ziziphaluka zasemZantsi Afrika. UmZantsi Afrika lilizwe elikhulu kakhulu kangangokuba libambe indawo yama-25 ngobukhulu bomhlaba kwihlabathi lonke jikelele, kwaye phantse zizigidi ezingama-53 zoluntu, lilizwe elibambe indawo yama-25 ukuba lelona lizwe laziwayo.

UmZantsi Afrika sisizwe leentlanga-ngeentlanga elididiyelwe ngamasiko ngamasiko, ngeelwimi-ngeelwimi, nangeenkolo-ngeenkolo. Njengelizwe elingunozala weentlanga-ngeentlanga, oku kubonakala kakhulu xa umgaqo siseko ukwamkela ngokungazenzisiyo ummiselo wokusetyenziswa kweelwimi ezili-11 nje ngeelwimi ezisemthethweni kwiinkonzo zaseburhulumenteni, nekuzezona zinenani eliphakamileyo kunawo onke amazwe emhlabeni. Ezimbini kwezi lwimi imvelaphi yazo iseYurophu: isiNgisi nesiBhunu, isiBhunu lisiDatshi olusetyenziswa njengolwimi lweenkobe luninzi lwabamhlophe kunye nabebala kweli laseMzantsi Afrika. Nangona isiNgesi ilulwimi olusetyenziswa imihla-ngemihla kwiinkonzo zikawonke-wonke nakwiintengiso, lulwimi lwesine olusetyenziswa njengolwimi lweenkobe. [9]

Abantu abamalunga nama-80% kubemi boMzantsi Afrika ngabantu abantsundu nekungabantu abaziinzalelwane zeli,[3] baziintlanga-ngeentlanga, bathetha iilwimi-ngeelwimi zakwaNtu, eziluthoba kuzo zinikwe isidima sokokuba zibe ziilwimi zaseburhulumenteni ngokusesikweni. ezinye iintlanga ezingekho kweli nani ngabahlali bezixekokazi zaseAfrika ngamaYurophu, ngamaamaAsia, kunye nabamvelaphi yabo ikwiintlanga-ngeentlanga. Onke amaqela ezi ntlanga-ngeentlanga neelwimi-ngeelwimi amelwe ngokwezopolitiko kweli lizwe, kumgaqo siseko osekwe ngokwentando yabantu, opalamente yawo uyiRhiphablikhi, nawo osithoba amaphondo. Okoko kwathi kwaphela urhulumente wocalu-calulo, ubumbejembeje ngamasiko-ngamasiko boMzantsi afrika bulenze bangumahluko eli lizwe latsho laziwa de labaluleka ngakumbi, njengoko bubonakalisiwe kwintetho enguMmnyama weSizwe omabala-bala.

Ngokwezoqoqosho ingeniso yaseMzantsi Afrika ibekwe kwinqanaba elingaphezu kwesiqingatha yiBhanki yeHlabathi, kwaye uMzantsi Afrika uthathwa nje ngelizwe elithi liseyimveku libe sele liphuhle ngokupheleleyo kwezoqoqosho. Uqoqosho lwayo lubambe indawo yesibini eAfrika, kwaye ngobukhulu libambe indawo yama-28 kwihlabathi. Xa kuthethwa ngokuthelekiswa kwamndla okuthenga oMzantsi Afrika kunye nawamanye amazwe, uMzantsi Afrika lilizwe lesixhenxe kwathenga kakhulu ngokwengeniso yonyaka eAfrika, nangona ubuhlwempu nokungalingani kwabantu ngokobuhlwempu nobutyebi busahamba phambili kweli lizwe, njengoko ikota yabantu ingaphangeli ibe iphila ngemali engaphantsi kwe-US$1,25 (R21,23) ngosuku. Nangona kunjalo, uMzantsi Afrika uthe wachongwa njeamandla akwizinga eliphezulu ngokwehlabathi, yaza yahlala iliziko elinomfutho kwingingqi.

Igama elithi Mzansi, lisuka esiXhoseni kwisibizo esithi umzantsi, oko kuthetha ukuthi "mzantsi", igama elisetyenziswa ekuhlaleni mihla le eMzantsi Afrika.

iJografi

Umzantsi Afrika umi kanye ezantsi kwingingqi esingathi kusezinyaweni zelizwekazi i-Afrika, nonxweme lwayo olude nolugama walo utsaleke ngokungaphezulu kweekhilomitha ezingama-2,500 nolugudla iilwandle ezimbini (i-South Atlantic kunye nolwase-India)

iReference

Tags:

ELuSuthuEswatiniIBotswanaINamibiaIZimbabwe

🔥 Trending searches on Wiki isiXhosa:

IJapani2024 Campeonato Amapaense - Série BZineKugawulwa owaziwayoUmtha wedoloXiaomi Mi MIX AlphaKońskowolaI-Synthetic (Umxube)FloridaUAbramI-Yunivesithi yasePitoliI-South PoleUngquzulwano Russian-UkrainianIsiColombiaUMichalongeloYegushaUngeno olungenamkhetheUluhlu amaqhaloIsifo sentsholongwane i-EbolaCoreia do TwoaieMissouri2018 FIFuRoni da FutbollVietnamUlwakhiwo (ibhola ekhatywayo)Into ayibethwa ngankanaIsisele sombinzaIsitshixo sokulogaEViennaIfonetikiI-oxygenInqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathiUkukholwa yeyokosaIfolokhweAline BarrosIJografiRafael CorreaIHlengesiImifunoEZambiaDoraemonImoto1937 Copa dos Campeões EstaduaisErmelo, MpumalangaInkaw'ixingetyeniIMercury (iplanethi)I-BerlinITurkiyaIReal Madrid v FC Barcelona (1943 Copa del Generalísimo)I-haploidDavid HilbertIinkonzo Zeelwimi ZesizweEngcoboUkuzalwa wedwa ngumlu wanyamaLilishwa lomhluzi wamanqinaIGoogolplexGcina MhlopheIsi-InterlingueUmgca mananiMuriaéUGautam BuddhaImbelekoKungaf'intak'enkulu amaqand'ayabolaNomfundo MohAmazaIDourados Atlético ClubeIimpawu🡆 More